Babuyela eMzantsi bengenaCorona

Kulindeleke ukuba bagaleleke ekhaya eMzantsi Afrika abantu beli abavaleleke eWuhan eChina emva kokungenelela kukarhulumente esebenzisa umkhosi weli.

Ingxelo ithi ligqiza eliquka amajoni womkhosi, amagosa aphezulu kwiSebe lezeMpilo namagosa eSebe loBudlelwane naMazwe angaPhandle elilungiselele ukubheka eChina.

Oku kulandela ukugqabhuka kwesifo seCoronavirus exakileyo kwela lizwe laseChina nesele ibulele abantu abangaphezu kwewaka.

Ngokwengxelo bangaphezu kwamakhulu amabini abantu beli abaseChina ngokukodwa kwidolophu esiqale kuyo isifo iWuhan.

UMphathiswa weSebe lezeMpilo kweli uGqirha Zweli Mkhize uthi azingako iinkcukacha abaza kuzikhupha malunga noku.

“Sifumanise ukuba bangaphezu kwamakhulu amabini abemi beli abakwidolophu yaseWuhan kuphela, ngoko siqalisa eli linge ukuze babuyele ekhaya bekhuselekile,” uthethe watsho uMkhize.

Eli qela lenziwa ngabantu beli abaseChina ngezizathu ezahlukeneyo nanjengoko ilizwe laseChina linobuhlobo noMzantsi Afrika.

“Phakathi kwabo kukho abafundi, abanye sele bezigqibile izifundo zabo, abanye bebesaqhubeka nezifundo zabo, kukwakho nabezoshishino ngokunjalo,” kutsho uMkhize.

Kukho iingxelo zokuba kukho abantu beli abalishumi elinesithandathu abangavumiyo ukubuyela eMzantsi Afrika.

Okona kubuhlungu ngaba bantu kukuba bavalelwe kwiindawo abahlala kuzo okanye kwindawo ezikhethwe ngurhulumente waseChina.

“Kwindawo abaza kugcinwa kuyo akukho bani uvumelekileyo ukuba abatyelele, iza kugadwa ngamajoni le ndawo. Baza kugcinwa iintsuku ezingamashumi amabini ananye phambi kokuba badibane neentsapho zabo,” utsho uMkhize.

Ukanti kukho iingxelo zokuba kukho abantu ababini beli abebekhwele isikhephe saseJapan abafunyaniswe ukuba banaso esi sifo.

Esi sifo sibhaqwe ngenyanga kaNovemba kunyaka ophelileyo eWuhan kwela lizwe laseChina, saza sabhuqa abemi bela lizwe emva koko.

Ngamazwe akumashumi amahlanu ehlabathini asele echatshazelwe sesi sifo secoronavirus ukusukela oko siqalile eWuhan eChina.

UMongameli weli uCyril Ramaphosa uthi bathathe isigqibo sokuba babuyiswe abemi beli kwelaseChina.

“Emva kwezicelo ezisuka kwiintsapho eziliqela kweli loMzantsi Afrika, nengxoxo esithe sayenza namasebe ahlukeneyo sithathe isigqibo sokungenelela,” kutsho uRamaphosa.

URamaphosa uthi amagosa esebe lezeMpilo ekunye namajoni omkhosi weli aza kubeka esweni aba bantu emva kokuba begaleleke kweli. Kungathatha iiveki ezimbini phambi kokuba bagaleleke ekhaya eMzantsi Afrika, itsho ingxelo.

Ukanti zikho iingxelo zokuba baza kugcinwa kwindawo ethile engachazwanga kwiphondo laseFreyistata.