Witbooi: Ngeke ahambe umgama omde uPaulino

UYanga Sigqibo uza kulwa noChris Paulino emva kwemini ngeCawe, eMonti. Umfanekiso: Uthunyelwe

Inkampu kaYanga Sigqibo ifunge yamunc’ iintupha ngelithi iza kumbonisa amaqhekez’ engqele uChris Paulino wasePhilipines.

Ezi mbethimanqindi zimbini ziza kuxhimfana emlweni weWBC Inter-Continental Bantamweight oza kube useOrient Theatre emva kwemini ngeCawe.

Umphathi wakhe, uLonwabo Witbooi, uxelele I’solezwe lesiXhosa ngokukhulu ukuzithemba okokuba mabeze bazokubona uYanga omtsha futhi oza kubahorho kwabo alwa nabo.

UYanga obekhe waphantsi kwesitali seXaba Promotion, uye wangundabamlonyeni akukreqela kwiRumble Africa Boxing.

Kodwa ngoku ingqondo yakhe isekuqinisekiseni okokuba uyambetha uPaulino ngempelaveki.

“Amalungiselelo omlo mahle kakhulu. Ndingatsho ndithi uYanga uwulungele umlo ngokupheleleyo. Kuyo yonke imilo yakhe uYanga, zange wazilungiselela olu hlobo ngokwasengqondweni, emzimbeni nasemoyeni wakhe. Nokuba angathi gqi ngoluphi uhlobo uChris Paulin, akukho anokusibhida ngako,” utshilo uWitbooi.

Kwimilo elishumi elinane ayilwileyo, uYanga uphumelele elishumi elinambini, wabethwa komnye waze wadlala ntanganye komnye kuphela.

Amadoda awalahle phantsi ngenqindi mathathu. Nangona enembali entle kodwa kufuneka azimisele ngoba akayiyo konke konke idyongo uPaulino.

Umlo wala madoda mabini ngowona ujongwe ngamehlo abomvu ngabantu baseMdantsane – ikhala lamanqindi.

“Asimoyiki uPaulino; siyakufuna ukuzibonisa nezinye iimbethimanqindi ukuba asidlali. Kufuneka senze umzekelo ngaye. Siyifundile indlela alwa ngayo uPaulino. Umntu opheka uYanga ngumakhwekhwetha apha eMzantsi Afrika. Ngeke awugqibe umlo uPaulino. Ukuba angawugqiba, uyakube onzakele kakhulu. UPaulino uphumelele imilo elishumi elinesine kodwa ubethwe kane.

Eminye imilo imi ngolu hlobo: URonald Malindi udibana noLwandile Sityatha kwiSA Bantam weight, uLerato Dlamini ulwa noNathaniel Kakololo, uSivenathi Nontshinga ulwa noSoriano Ivan, uAsanda Gingqi udibana noThatho Bonokoane aze uLusizo Manzana alwe noTshetso Modisadife.