Asukile emsileni AmaZulu emva kukuquthisa Amakhosi ebaleni lawo

Tshepo Masilela of AmaZulu challenged by Khama Billiat of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2019/20 match between Kaizer Chiefs and AmaZulu at the FNB Stadium Johannesburg on the 07 March 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Abadlali
baMaZulu bavuye kakhulu emva kokuquthisa Amakhosi ngegowuli elinye eqandeni
(1-0) emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe eFNB Stadium. Nangona AmaZulu
esahleli endaweni embi – kodwa impumelelo yanamhlanje iwasusile emsileni kwaye
aza kuzithemba ngakumbi xa esiya emidlalweni ezayo. AmaZulu ayaqala ukubetha
iKaizer Chiefs eminyakeni elishumi elinesine. Ukubethwa kweChiefs, ebethe
iPirates kwiveki ephelileyo, kumdakumbisile uErnst Middendorp obezimisele
kakhulu ukuphumelela umdlalo wanamhlanje. Isiqingatha sokuqala sinike umdla
zisuka; omabini amaqela abonakalise ukunxanelwa impumelelo. Into abangakwazanga
ukuyenza abadlali beChiefs kukusebenzisa amathuba abawafumeneyo. ULeonardo Castro
uphose ithuba lokubeka iqela lakhe endaweni entle ngethuba ekhupha ecaleni ibhola
ayifumene kuLebogang Manyama. Lo nto inike amandla AmaZulu aye afumana igowuli
elifakwe nguBongi Ntuli kanye phambi kokuya kwixesha lokuya ekhefini.

Ngokungabiko
kukaWillard Katsande, umqeqeshi weChiefs unike uAnthony Agay ithuba lokuqala
umdlalo esiswini aye wamkhupha kwisigaba sesibini somdlalo. Kuthe kwakucaca
okokuba Amakhosi anzinyelwe emdlalweni, uMiddendorp ufake uKhama Billiat noBernard
Parker abakwazileyo ukwenza iintshukumo. USiyabonga Mbatha uye waqinisekisa
okokuba AmaZulu afumana amanqaku apheleleyo emdlalweni ngokuvala iibhola
ebeziyingozi kuzo zozibini izigaba zomdlalo. Njengokuba iChiefs ilahle umdlalo
ebalulekileyo sekuphela isizini, kunokwenzeka ukuba abadlali bawathathe
kancinci AmaZulu kuba ebenexesha elide engasaphumeleli. Ngoku ekugqibeleni
kuhleli iBlack Leopards ebethwe ngo’2-0 yiBaroka. AmaZulu akwindawo yesibini
ukusuka emva. Kweminye imidlalo: iBidvest Wits ibambene ngeqanda neChippa
United. IGolden Arrows ibambene nePirates ngeqanda. Kanti iMaritzburg United
ibethwe iPolokwane
City
ngo’1-0.

  

Chiefs: Akpeyi, Frosler, Ntiya-Ntiya,
Cardoso, Mathoho, Akumu, Maluleka, Baccus, Castro, Manyama, Nurkovic.

Amalalela: Khune, Parker,
Billiat, Moleko, Kambole, Zulu, Sasman.

AmaZulu: Mbatha, M. Gumede,
Masilela, Booysen, Xoki, Sithebe, Ncube, Maduna, Magubane, Chawaphiwa, Ntuli.

Amalalela: Boshoff,
Khumalo, Gumede, Ncobeni, Shangase, Lacny, Ngubane.