
Nangona umdlalo
ubutak’ intlantsi – kodwa akukho nelinye iqela elikwazileyo ukufaka igowuli
emnatheni. Abafana Bes’thende balwe kwade kwasekugqibeleni emdlalweni we-Absa
Premiership abaqengqe iqanda kuwo ne-Orlando Pirates phambi kwabalandeli
abebegcwalise iSugar Ray Xulu Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Isiqingatha
sokuqala sidlalwe ngesantya esiphezulu ngamaqela omabini – kodwa yiPirates
ekwazileyo ukudala amathuba aliqela. Umsebenzi weGolden Arrows ibikukuvala
abadlali bePirates abafana noVincent Pule noGabadinho Mhango kwisigaba
sokuqala. Ukudlala ntanganye kwePirates ngorhatya lwanamhlanje kuwacuthe
ngakumbi amathuba wayo wokulwela indebe kule sini. Amanqaku amathathu ebeza
kuyithatha ayiqabelise ngaphaya kweMamelodi Sundowns ebidlala ne-Al Ahly
emdlalweni weCAF Champions League namhlanje. UWayne Sandilans wenze umsebenzi
oncomekayo ngokuvala ibhola embi kanye phambi kwexesha lokuphumla.
Emva kwesiqingatha
sokuqala esingakhange sivelise amagowuli, iPirates isukele kwakhona xa kuqala
esesibini. Iphantse yabhalisa iGolden Arrows ngebhola ebizanywa nguKnox Mutizwa
evalwe nguHappy Jele obexakeke kakhulu emva noNtsikelelo Nyauza. Unozinti we-Arrows,
uSifiso Mlungwana, ube nomdlalo omhle – kodwa oxakekileyo kakhulu emva
kokunyanzeleka avale iibhola eziliqela ngenxa yePirates ebihlasela macala onke
ebaleni. Kuthe kwakubonakala okokuba kunzima ukugqobhoza iArrows, uJosef
Zinnbauer ufake uTshegofatso Mabasa endaweni kaGabadinho Mhango ophala phambili
ngamagowuli alishumi anane kwiPSL kule sizini. Zonke iinguqu ezenziweyo
azenzanga mahluko emdlalweni ophele kungekho qela elibhalisileyo ebhodini. Iqela
likaSteve Komphela linyukele kwindawo yesixhenxe emva kokuzuza inqaku elinye
emdlalweni wanamhlanje. Yona iPirates ihleli kwindawo yesithathu. Kweminye imidlalo:
iMaritzburg United ibethe
ibethe iBlack Leopards ngo’2-0.
Arrows: Mlungwana, Sibisi, Mathiane,
Makhubela, Lunga, Dube, Phiri, Shitolo, Mtshali, Mutizwa, Lamola
Amalalela: Sibanda,
Nkombelo, Sibiya, Ndwandwe, Parusnath, Gumede, Dlamini
Pirates: Sandilands, Jele,
Nyauza, Mabaso, Mako, Motshwari, Makaringe, Pule, Lorch, Memela, Mhango
Amalalela: Mpontshane,
Ndengane, Dlamini, Monyane, Ndlovu, Mulenga, Mabasa.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?