‘Besicinga ukuba ulityelwe * -AB Xuma’

KuManzana eNgcobo ngethuba lokungcwatywa kwakhona kukaGqr. AB Xuma UMFANEKISO: THABANG MASEKO

USAPHO lowayesakuba nguMongameli weANC uGqr. Alfred Bathini Xuma luthi ukungcwatywa kwakhona kwamathambo ale nkokheli, kwesi isihlandlo kowayo kuManzana eNgcobo, kuza kubangela impilo ngokomoya kumalungu osapho lakwaXuma.

UXuma wabhubhela eRhawutini ngo1962, ze wangcwatyelwa khona, emva kokuba nguMongameli weANC iminyaka elithoba ukusukela ngo1940.

KwiCawa esiyishiya ngasemva bekubanjwe inkonzo yokumngcwaba kwakhona kuManzana eNgcobo emva kokugrunjwa kwamathambo wakhe ngokomyalelo wosapho. Le nkonzo, nebiqhutywa ngumkhosi weli nanjengoko ibikwibakala lemingcwabo ekhethekileyo, ibizinyaswe luninzi kuquka uMongameli Cyril Ramaphosa kwakunye neNkulumbuso uOscar Mabuyane.

Isithethi sosapho uBulelani Xuma uthe: “Ibisoloko ingumnqweno wethu silusapho ukuba abuyele ekhaya ukuze aphumle nabantakwabo. Silolusapho lwamaNdila, siziva siwongekile ngokuba la mathambo kabawomkhulu abe namhlanje ahleli kulo mhlaba [wakwabo].”

“Kukhe kwakho ixesha apho sasicinga ukuba uGqr. AB Xuma ulityelwe kodwa namhlanje siyalubona ukhanyo. Singathanda ukubulela isebe lephondo lobugcisa nenkcubeko elisebenze kakhulu ukuqinisekisa ukuba la mathambo alapha. Sibulela nakumphathiswa (Fezeka Bayeni) nakubantu abebeququzelela ukwenza lo msebenzi mkhulu kangaka,” utshilo uBulelani.

UMabuyane uthi kuluvuyo nakubo bengurhulumente ukubona oku kude kwenzeka.

“Siyavuya ke Mongameli (Ramaphosa) xa uvumile ukuba ke la mathambo abuye. Kusapho lakwaXuma, ukubuyiswa kwala mathambo ayonkcubeko kubo, [koko] bubomi kuba abaphethekanga kakuhle banamahlaba kuba la mathambo engekho phakathi kwekhaya.

“IMpuma Koloni ke ayifani namanye amaphondo. Abantu balapha kufuneka bafuduke baye kwezinye iindawo xa befuna amarhewu aluhlaza. Singurhulumente ke sizama ukuqinisekisa ukuba amarhewu aluhlaza akhona apha eMpuma Koloni,” utshilo uMabuyane.

Yena uRamaphosa uthethe ngegalelo likaXuma watsho ebulela nedolophu yaseNgcobo kuquka nosapho lukaXuma ngokuvelisa inkokheli ekwelakhabatiso.

“Wabangummi wokuqala weli loMzantsi Afrika ukufumana isiqinisekiso sokuba ngugqirha, siqinisekiso eso wayesifumene phesheya kweelwandle. Ukubuyela kwakhe eMzantsi Afrika, wazabalazela abantu boMzantsi Afrika ukuba bafumane unyango njengaye wonke umntu.

“Simnike lo mngcwabo ukhethekileyo ngenxa yegalelo lakhe. Sibulela abantu baseNgcobo nosapho lwakhe ngokusipha unyana ochubeke njengaye,” utshilo uRamaphosa.

Ukanti kwinqaku lethu kweyoMqungu ngo2018, sabika ukuba usapho lukaXuma luthi uAB Xuma uvele amaphupheni kubantu ababini bolwasapho esithi ufuna kugrunjwe amathambo wakhe ayongcwatyelwa eNgcobo.