Isihlanu sonke sabadlali sinikwe uphum’ aphele yiChippa United

Iqela laseMpuma
Koloni ekuphela kwalo elidlala kwi-Absa Premier Soccer League, iChippa United,
likhulule abadlali abahlanu bonke namhlanje. Abo badlali ngu-Andile Mbenyane,
uThabo Rakhale, uLehlohonolo Masalesa, uDiamond Thopola noKurt Lentjies.
Iinzame zeli phephandaba zokufumana isizathu zokuhanjiswa kwabadlali
asiphumelelanga. Akukho namnye kwiChippa oyibambileyo imfonomfono yakhe. Nangona
kunjalo, omnye wabadlali uxelele eli phephandaba okokuba ngokwenene uphakathi
kwabadlali abakhululweyo. Ukukhululwa kwabadlali kulandela ukufika kukaRhulani
Mokwena ekuqaleni kwale nyanga, esika kwi-Orlando Pirates ngemboleko emva
kokuhamba kukaNorman Mapeza.

UMbenyane ngoyena
mdlali oneminyaka emininzi kakhulu edlalela iChippa, kwa ukusukela kwiintsuku zayo
isazinze eKapa. UThabo Rakhale uneminyaka engaphezulu kwesibini naye – kodwa bekusokolo
kukho amahum-hum athi ufunwa ngamaqela athile eGauteng aquka iKaizer Chiefs.
UMasalesa ayikapheli isizini ekwiChippa – kodwa ebenqabile ngoba ebekhathazwa
kukonzakala. Ukusukela oko wabuyela kwiChippa esuka kwiPirates, yena uThopola
zange alifumane ithuba lokudlala. naye uLentjies ngomnye wabadlali abaneminyaka
bedlalela iChippa noxa ebengasetyenziswa kakhulu ngabaqeqeshi abafana noMapeza.