Kunzima emidlalweni ngenxa yesidungamzi esiyi ‘Corona’

Usihlalo wePSL, ugqirha Irvin Khoza, ubhengeze ukunqunyanyiswa kwemidlalo yale veki. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Imibutho yezemidlalo kwihlabathi lonke igqibe kwelokuba iyinqumamise imidlalo ngokwahlukana kwayo ngenxa yenthsolongwane ye corona (COVID-19).

Sisifo esi esingafaniswa nesidungamzi ngoba sichaphazela kakubi intlalo yoluntu noshishino lwehlabathi kwicala lezemidlalo.

Ekuqaleni kwale veki, abantu abachatshazelwe kwihlabathi lonke bangaphaya kwamakhulu amabini amawaka (200 000), abantu ababhubhileyo bangaphaya kwamawaka asixhenxe (7000).

Apha eMzantsi Afrika, inani labantu abosulelekileyo likwikhulu elineshumi elinesithandathu (116).

Ukunwenwa kwecorona kuye kwanyanzela urhulumente eze nemithetho eza kulawula indlela abadibana ngayo abantu kwiindawo ngeendawo.

UMongameli welizwe, uCyril Ramaphosa, uthe makungabikho ntlanganiso, inkonzo okanye nantoni na eza kudibanisa abantu abangaphezulu kwekhulu ndawonye.

Uqoqosho lwezemidlalo oluthungelana nezokhenketho lelona liqhokreke kakhulu ngoba imidlalo isoloko itsala amawakawaka ababukeli.

Imibutho yezembaleki, umbhoxo, amanqindi, iqakamba, ibhola ekhatywayo neminye, inqumamise iitumente nemidlalo ngenxa yecorona eyosulela ngokhohlokhohlo. Bakhona abadlali abosulelekileyo eYurophu.

Lo nto ibangele iPremier Soccer League iyinqumamise yonke imidlalo yebhola ekhatywayo ebiza kudlalwa ngoLwesibini nangempelaveki.

Isaziso senziwe ngusihlalo wePSL, ugqirha Irvin Khoza, ekuqaleni kweveki.

“Urhulumente uyibeke esweni imeko. Asifuna ukwenza izinto zibe nzima kakhulu. Yiyo lo nto siqonde ukuba makhe sithi nqumama,” utshilo uKhoza.

Ngomso isigqeba sesilawula iPSL siza kubamba intlanganiso esakuthi sigqibe ngendlela eyakudlalwa ngayo imidlalo eshiyekileyo kule sizini.

“Kufuneka iPSL ijonge indlela enokucutha ngayo ukwanda kwecorona. Yiyo lo nto sithe mayihleliswe imidlalo. Siza kuxoxa nomphathiswa, amapolisa, abezonyango nabanye abachaphazelekayo abantu ukuze sifumane isisombululo,” utshilo uKhoza.

UMaphathiswa weZemidlalo noLonwabo, uNathi Mthethwa, uthe imidlalo yePSL iza kuqhubela phambili phantsi kwemiqathango ethile.

“Emva kwentlanganiso, sigqibe kwelokuba imidlalo iqhubele phambili – kodwa bangabikho abalandeli.

“Kubalulekile oko ngoba kufuneka amaqela ashumayele umyalezo karhulumente ozama ukulwa ukunwena kweCOVID-19,” utshilo uMthethwa ngoLwesibini emalanga.

Imidlalo yebhola ekhatywayo yeyona etsala abantu abaninzi.

Ingxaki ejamelene nabaphathi bePSL kukuba isizini ishiyeke nemidlalo eliqela phambi kokuba ivalwe.

Nangona iPSL sele inikwe ilungelo lobamba imidlalo – kodwa kwakufuneka abadlali bamaqela babe phantsi kovavanyo lwemihla ngemihla ukuze bangosulelani nabo ukuba kukho onechaphaza.