Credo Mutwa: ‘Ndikubonile ukuza kwesifo sokutshabalalisa’

“Ndikubonile ukuza kwesifo esibi kakhulu sokubulala nokutshabalalisa abantu bakuthi. Abantu bavele bandihleka besithi ndiyaphupha nje, ndithetha into engekhoyo.”

Ezi zezinye zeziprofetho zegqirha nemboni uVusamazulu Credo Mutwa osweleke izolo (ngoLwesithathu). Ebeneminyaka engamashumi alithoba anesibhozo (98).

UMutwa ubhubhele kwisibhedlele saseKuruman eMntla Koloni emva kokungeniswa buphuthuphuthu.

Ubhubha kanye xa ilizwe livalwa. Ewe kuvaliwe ukuhambahamba kwabantu eMzantsi Afrika ngenxa yesifo seKhorona esigqugqisa ihlabathi lonke.

Kushicilelo lwemiboniso, uMutwa waziwa ngokulumkisa uluntu ngezinto eziza kwenzeka.

Enye yazo kusekuthambekeni kweminyaka yoo1990 apho walumkisa ngohlaselo lwabanqolobi eMelika. Kwahlaselwa nyhani ngo2001 kwabhubha abantu.

Xa ubani esondela kufutshane neziprofeto zikaMutwa, uye uphume nezinto ezimbini – ingaba utat’ uMutwa ebengaqondwa ukuba uthini ncakasana okanye abantu bebefuna nje ukuzigqwalisa izinto ezithethwa nguye?

Naye utat’ uMutwa ebezibuza le mibuzo, xa ubani engakwazi ukumtolika, de athi udiniwe naye kukulumkisa abantu beli.

“Kutheni ke kufanele ndiqhubeke ndithetha? Ndidiniwe ngoku. Maliye apho liya khona eli lizwe (uMzantsi Afrika) kuba xa uthethayo ubizwa ngamagama.”

Kodwa uyaphinda ebonakalisa ithemba elikhatshwa lusizi kwezinye zeentetho zakhe. “Hamba ngozithemba, ekufeni kukho ukuvuka. Ekuzalweni kukhona nokufa,” kutsho uMutwa.