Amandla asezinweleni

Ingcali yenkolo yesiNtu uTA Mbhele uthi lulwazi oluncinci olubangela ukuba sichebe inwele esadalwana nazo nguMdali.

Kwingxelo yakhe ubuya umva kakhulu aye kwixesha apho zazingekho izixhobo ezifana nezikere, iklipa nebleyidi nezinye izinto zokucheba.

Kuyacaca ukuba ngalo maxesha inwele zomntu zazikhula zibengangomntu nangaphezulu.

Ubude nobungakanani benwele zomntu babusetyenziswa ukuzama ukukhangela ixesha azelwe ngalo okanye ubudala bakhe.

Eyona nto inika umdla ngolwazi ngenwele kukuba unwele ngalumnye emntwini lunxibelelana nesibhakabhaka, iinkwenkwezi, inyanga nelanga nemimoya yonke esemfihlakalweni (enyangweni).

Ngenxa yokugcina inwele ezintloko zabo abantu bakudala babekwazi ukuqikelela imozulu yenyanga ezintathu ezizayo.

Ngenxa yonxibelelwano phakathi kwenwele zabo nesibhakabhaka bebekwazi ukuchaza ubusika obuzayo ukuba buzakubanda kangakanani, okanye ihlobo elizayo ukuba lizakuba nemvula.

Ngamandla ebebewafumana ezinweleni bebesetyenziswa kakhulu ngumoya weminyanya, nomoya kaQamata ngenxa yenwele zabo.

Kungenxa yoku ukuba ufumane abantu abaninzi abangamaGqirha okanye amathwasa bengazi chebi inwele zabo, kuba zidalwe ukuba zenze unxibelelwano nemimoya, oonomathotholo nezinyanya.

Ungawava amandla nonxibelwano olenziwa zinwele, xa uzakudibana nento engalunga, uva ngenwele zakho zihlathuka de zingathi ziyasuka, lawo ngamanye kumandla enwele.

Ngaphandle kokukhusela intloko kwilanga kodwa zinomsebenzi onzulu wokuhlala zisebenza nje ngentambo yonxibelelwano phakathi komnikazi wazo nendalo.

Ukukhulisa inwele zingachetywa uMbhele ukufanisa nokuhamba ngenyawo unganxibanga zihlangu, oku kwenza ukuba kubekho unxibelelwano ngqo nomhlaba okwenza ukuba kubekho unxibelelwano nendalo ngokubanzi.

Ngenxa yokukhula okugqithisileyo kwenwele abantu bakudala bebeziphotha inwele zenziwe ivithane okanye idreds ngokwale mihla.

Abantu benkolo yamaRasta bazigcina inwele zabo besithi yimbasa abayinikwe ngubawo, bakhokelwa ukuba ezi nwele yindawo engcwele ekuhleli amandla kuyo.

Kungoko bengavumi ukuba ezinwele zabo zibanjwe ngumntu wasetyhini okanye zichetywe.

Abalesi beBhayibhile bayalikhumbula ibali lendoda eyayixelelwe kwasekuzalweni kwayo ukuba isitshetshe singaze sisondele ezinweleni zayo.

Le ndoda kuthwa ilwe iimfazwe ezininzi iphumelela, lada utshaba lathumela intombi yalo ukuba iyekutshata nalo mfo.

Injongo yayikukwazi ukuba aphina amandla ale ndoda, yachaza ngoko nganyelwa luthando yathi amandla ayo asezinweleni, zachetywa inwele emnka amandla nozuko kulo ndoda.

UMbhele uthi indoda enenkqayi ngumfuziselo wento echasene noQamata, kuba kumele ukuba umntu abe nenwele zakhe. Amandla asezinweleni.