Amagqantshintshi ezemidlalo

Nangona AmaZulu ephakathi kwamaqela alwela ukusinda ezembeni, umdlali wawo uSiphesihle Maduna, uthi ukuhlala kweqela kwiPSL kusezandleni zabadlali.

AmaZulu abekade esemsileni afumene ithuba lokuphefumla emva kokubetha iKaizer Chiefs ngo’1-0 emdlalweni wokugqibela.

UMaduna uxelele oku iSolezwe lesiXhosa ngethuba ephawula ngezicwangciso zeqela lakhe zokuphepha izembe.

“Yonke into ixhomekeke kuthi badlali ngoku. Ukuba sizithembile, singakwazi ukuliphephisa iqela ezembeni. Ngokokwam, singakwazi ukuyenza lo nto ukuba singahlala sibambisene,” utshilo uMaduna.

Imidlalo isathe nqumama okwangoku ngenxa yekhorona. Akukacaci nokuba imidlalo iya kudlalwa nini na ngoba yonke into ixhomekeke ekunqandekeni kwekhorona.

UMaduna ukuqhwabela izandla ukufika kukaAyanda Dlamini, olibambela-mqeqeshi, ngoba uthi kwenze ubomi bakhe balula kakhulu.