Amakhosi angamkhulula kwangoko uGeorge Maluleka

UGeorge Maluleka angakhululwa kwangoko yiKaizer Chiefs emva kokutyikitywa yiMamelodi Sundowns, ngokokutsho kukaJessica MotaungUmfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Njengokuba ilizwe lisaxikixwa yikhorona enyanzele ukumiswa kwemidlalo yeAbsa Premiership – wona Amakhosi afumene ithuba lokuqwalasela umba kaGeorge Maluleka.

Kwiiveki ezidlulileyo, iKaizer Chiefs yazise abalandeli bayo okokuba uMaluleka uza kudlalela iMamelodi Sundowns kwisizini ezayo emva kokwaphuka kweengxoxo phakathi kwayo naye.

Amakhosi asahleli kwindawo yokuqala, kwindawo yesibini kuhleli iSundowns eshiywa ngebathwana lamanqaku amane kuphela.

Umphathi wezeentengiso, uJessica Motaung, uvumile kwiintatheli okokuba iChiefs iyayiqwalasela into kaMaluleka njengokuba kusashiyeke iinyanga eziliqela phambi kokuba akhululeke.

Eyona nto esemilebeni yabo bonke abalandeli bebhola ngumbuzo omnye, ingaba kufanelekile na ukudlaliswa kukaMaluleka emva kokulaxaza iChiefs?

“Ikamva likaGeorge liyaqwalaselwa ngumqeqeshi noogxa bakhe. Ngexesha elifanelekileyo, isigqibo siza kuthathwa ngaye. UGeorge, 31, uzithathele isigqibo.

Ukuqukwa kwakhe emidlalweni yeqela elandelayo okanye kwezi nyanga zintandathu yinto esiza kuyishukuxa, kodwa ndifuna ukuyibeka icace into yokuba nguye ogqibe kwelokuba aye kwiSundowns,” utshilo uMotaung ethetha neentatheli kutshanje.

Ukuhamba kukaMaluleka kuyichanile iChiefs ngoba yile ingavumelekanga ukuthenga abadlali abatsha emva kokugwetywa yiFifa owathi yathatha uDax kwiqela laseMadagascar ngendlela engekho semthethweni wayo.

Nakubeni kukho ezo zinto nemidlalo emisiweyo ngenxa yekhorona, uMotaung uthe iingqondo zabo kwiChiefs bazibeke emidlalweni eshiyekileyo.

UGeorge wafika kwiChiefs ngo2014 kusekho uStuart Baxter.

Akukho mqeqeshi ongamdlalisanga ke kodwa ukuza kuthi ga kuErnst Middendorp.

Nangona ibingamdlalisa iChiefs kodwa ukutyikitywa yiSundowns ekhuphisana nayo kwenza izinto zibe nzima. “Into esezingqondweni zethu ngoku yikhorona nabadlali bethu. Andikwazi ukubeka ingqondo yam kuGeorge ngoba kufuneka siqinisekise okokuba wonke umntu ukhuselekile. Ikhorona iguqule izinto ezininzi ebomini boluntu ngokubanzi,” utshilo.

I-PSL inqumamise yonke imidlalo yayo ngenxa yekhorona.