UMamjiji weFort Hare wenza izimanga kwiVarsity Shield

ULukhanyiso Tosholwana waseQonce ngomnye wabadlali abaziqaqambisileyo kwiFort Hare University edlala kwiVarsity Shield Umfanekiso: Uthunyelwe

Isigqigqana sendodana yaseQonce sishiya abantu bembangalisekile emidlalweni yeVarsity Shield.

ULukhanyiso “Mamjiji” Tosholwana welali yaseMdolombana wazibandakanya nombhoxo eselula – kodwa ingxaki awayenayo kukudelelwa ngabantu kuba emfutshane futhi enomzimba omncinanne.

Le ndedeba, 22, eyinjini yeFort Hare University emidlalweni yeVarsity Shield ibalisele I’solezwe lesiXhosa ngohambo lwayo embhoxweni.

“Ndaqala ukudlala ngo-2008, ndandikwangumdlali webhola ekhatywayo. Ndandingazimiselanga embhoxweni ngenxa yalo nto. Zatshintsha ke kodwa izinto ngo-2009 mhla ndadibana notitshala waseNzondelelo Primary School uMnu. Nkohla – owandifundisa umdlalo wombhoxo,” utshilo uMamjiji ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

Ekukhuleni uTosholwana wayedlala imidlalo emibini – kodwa kwanyanzeleka akhethe.

“Njengoku benditshilo, umbhoxo ndawufundiswa nguMnu. Nkohla owathi abafana abadlali ibhola ekhatywayo elokishini abafane bayenze inkqubela. Nguye owabethelela into yezemidlalo kum ngokuya ekhaya naxa ndonzakele. Ngelo xesha; ingqondo yam yayisekwibhola ekhatywayo. Kumnandi ukudlala kwi Varsity Shield – kodwa kubalulekile umntu ngamnye azazi izinto eziluncedo nezingeloncedo xa usengumfundi. Kuyabonakala ukuba zikhona iindawo ezisafuna ukulungiswa kwiqela lethu – kodwa endingakutsho okwangoku kukuba iqela lisaqhuba kakuhle kakhulu,” utshilo uTosholwana usaphumleyo emva kokunqunyanyiswa kwemidlalo ngenxa yekhorona.

Njengokuba uMamjiji engumdlali wasesiswini onoxanduva, usoloko umdlalo wakhe ewayamanisa nomdlali amthandayo futhi osisibonelo kuye.

Le ndedeba iphinde yaxelela eliphephandaba ngelona qela erhalela ukulidlalela.

“Umdlali endimthandayo embhoxweni nguChris Cloete ngoba naye udlala unombolo 6 futhi sisigqigqana esifutshane njengam lo. Mhle apha emhlabeni njengam ngoba yeyona endizithembe kuyo kakhulu. Mna ndikhula ndinqwenela ukudlalela Ookrebe (Cell C Sharks). Nangoku ndingavuya kakhulu ukuba ndinganikwa ithuba phaya ukuze ndibonise abantu belizwe okokuba umntu angawudlala umbhoxo njengabanye nokuba mfutshane,” uvale ngaloo mazwi uMamjiji.