Ngoku akoluka nini amakhwenkwe?

INkosi uMwelo NonkonyanaUMFANEKISO: OSELUGCINWENI

Usihlalo weNdlu yeeNkosi kuZwelonke uNkosi Sipho Mahlangu ukuqinisekisile ukuba limisiwe isiko lolwaluko kuzwelonke ngenxa yesifo seKhorona.

Ngaphambili kuvele izimvo ezikhabanayo kumbutho weeNkosi kweli iContralesa malunga nokumiswa kweli siko lakudala. Ethetha namajelo eendaba ngempelaveki, uMahlangu uthi liza kumiswa isiko lolwaluko ngenxa yesi sifo seKhorona.

“La ngamaxesha anzima ekumele ukuba sithathe izigqibo ezinzima ngokunjalo, zisekho iingxaki zokwamkeleka kwesi sigqibo kwiphondo leMpuma Koloni,” kucacisa uMahlangu.

Lo kaMahlangu uthi iNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni yiyo kuphela eyenze isicelo sokunikwa ithuba lokuthetha nabo bonke abachaphazelekayo phambi kokuba isamkele esi sigqibo, kwaye bafuna ixesha eliziveki ezine.

“SiyiNdlu yeeNkosi kuzwelonke siza kwenza konke esinako ukuzama ukukhusela ubomi babantu ngokulwisana nesifo seKhorona. YiMpuma Koloni yodwa eyenze isicelo malunga nesi sigqibo,” kutsho uMahlangu.

Ukusukela kwinyanga ezayo, uCanzibe, kulindeleke ukuba baqalise ukungena esuthwini abantwana nanjengoko kusenzeka minyaka le, ngeenyanga zasebusika.

Kwiveki ephelileyo iiNkosi, ooCeba kunye namagosa karhulumente atshise izindlu zabakhwetha ebezingekho mthethweni eNxarhuni eMonti. UNkosi Mwelo Nonkonyana uthi aziyonyani iingxelo zokuba abavumi ukuba limiswe isiko lolwaluko beliphondo leMpuma Koloni.

“SiyiNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni sithetha into enye norhulumente wephondo, apha kwenziwe ingxelo engagqibelelanga phambi kwexesha elifanelekileyo, asikhange sithi asihambisani nalo mbono,” kucacisa uNonkonyana.

Uthi bakwiphulo lokujikeleza ephondweni leMpuma Koloni becholachola uluvo loluntu logama bekwaxelela uluntu ngalo mbono.

“Ukumiswa kwesiko lolwaluko yinto eza kuqhubeka kude kuphele inyanga kaTshazimpuzi njengokuba esitsho naye uMahlangu. Ke emva koko siza kuba sigqibile ukuthetha nabantu, nengxelo karhulumente iza kuba ikho ngesifo seKhorona,” kucacisa uNonkonyana.

Uhambisa athi baza kujikeleza kwiiKumkani, iiNkosi noluntu ngokubanzi bethetha ngalo mpoposho ukuze abantu babe nolwazi.

“Ulwaluko asilolweeNkosi, lolwabantu ngokubanzi, ngoko ke abantu banelungelo lokuthatha isigqibo okanye babe yinxalenye yesigqibo sokuba liyemiswa isiko lolwaluko.” Le ngxelo ithi kweli leMpuma Koloni kukho izithili ezinyanzeleke ukuba zaluse ebusika ngenxa yeemeko zemozulu ezingaqhelekanga.

“Sifumanise ukuba kukho izithili ekumele ukuba zahlukane nokwalusa ehlotyeni, koko kufuneka zaluse ebusika kuphela ngenxa yokufumana ubushushu nezinye iingxaki ezibangela ukoma okumandla ebantwaneni,” kutsho uNonkonyana.

Usapho lakwaNgesi kuMatyhantya eCacadu lixakene nento ngenxa yokuba lingakwazi kukhupha umkhwetha esuthwini, kodwa banethemba likarhulumente.