Isimo sempilo kaMeyiwa yothuse abantu abaninzi

Wiseman Meyiwa of Kaizer Chiefs during the 2018 Nedbank Cup football match between Kaizer Chiefs and Stellenbosch FC at Moses Mabhida Stadium, Durban on 10 March 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Angabuyela kwakhona
ebholeni uWiseman Meyiwa? Lowo ngumbuzo abalandeli bebhola ekhatywayo abazibuza
wona emva kokujikeleza komfanekiso kaMeyiwa kwikhasi lomnathi, uTwitter,
ezilolonga kutshanje. UMeyiwa wayengumdlali weKaizer Chiefs neqela lesizwe (SA
Under-23) onekamva eliqaqambileyo – kodwa ikhondo lakhe lebhola laye
lanqanyulwa kukonzakala. Le ndedeba yaKwaZulu-Natal yayeka ukudlalo umdlalo
ewuthandayo, ibhola ekhatywayo, ngenxa yengozi yemoto eyagaxeleka kuyo eyayishiya
yonzakele umqolo nemilenze ngo-2018. Emva kwemizamo eyenziwa yiChiefs
nokucetyiswa ngoogqirha – ubomi bukaMeyiwa bebhola banqanyulwa kabuhlungu emva
kokumela uMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi (Under-17 Fifa World Cup)
eyayibanjelwe kwilizwe laseChile ngo-2015 nenye itumente (Under-20 Fifa World
Cup) ngo-2017. UMeyiwa waveliswa yinkqubo yophuhliso yeChiefs – wazibalula
njengomnye wabadlali abanekamva elihle ebholeni emva kokunikwa ithuba nguSteve
Komphela.

Ithemba
lokubona uMeyiwa ezihambela ngeenyawo zakhe zombini liyaqina emva kokubonwa
ezilolonga. Wayekiswa ibhola ngoogqirha kuba wayengakwazi ukuhamba. “Musani
ukutyhalwa lifuthe lamakhasi onxibelelwayo. Akukho namnye umntu obhenca ukoyisakala
kwakhe esidlangalaleni,” utshilo umyalezo kaMeyiwa awushiyele abalandeli bakhe
kuTwitter kutshanje. Omnye umdlali owehlelwa lilishwa yaba nguBrilliant
Khuzwayo kunyaka ophelileyo. Oogqirha banikezela emva kwexesha elide bezama
ukumbuyisela ebholeni ekhatywayo. UKhuzwayo, 29, waya kwi-Orlando Pirates emva
kokuhlala iminyaka eliqela kwiChiefs – kodwa zange akwazi ukuyidlalela ngenxa
yokonzakala eqatheni okwaphazamisa ubomi bakhe ngendlela engenambaliso. Zonke
iinkquleqhu eza zanywa yiPirates zange zize neziphumo ezincumisayo – kodwa
wonke umntu uza kuhlala ejongile ngoku futhi efuna ukubona okokuba angabuyela
ebholeni na uMeyiwa.