Ngunyaka ngoku idukile indoda yaseBhayi!

UWandile Mampofu, 44, waseBhayi esele ingunyaka oneenyanga engaziwa apho akhoyo.UMFANEKISO : SAPS
SELE ingunyaka oneenyanga ezine idukile indoda yaseMissionvale eBhayi egama linguWandisile Mampofu, noneminyaka engamashumi amane anesine ubudala.
Ingxelo ephuma kumapolisa aseAlgoa Park eBhayi ithi uMampofu wagqityelwa ngomhla wesine kuDisemba ka2018. 
UMampofu ungumakhi wezindlu kwaye uziqeshile. Ngolu suku waduka ngalo wayeyokugqibezela umsebenzi wakhe kwindlu ekwasesitalatweni sakhe.

UCaptain Pricilla Naidu wamapolisa aseAlgoa Park uthi uMampofu emva kwentsimbi yeshumi elinanye waphuma kule ndlu wayesakha kuyo esithi uyokulanda esinye isixhobo sokwakha asilibeleyo nangazange aphinde abuye.


“Indoda encedisa uMampofu yaya kwikhaya likaMampofu emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya iyokuqonda ukuba kutheni engakhange abesabuya kuba ebelinde yena. Umfazi kaMampofu kulapho waqala ukuxhalaba esithi khange abuye oko ebemke emva kwentsimbi yesixhenxe kusasa,” utshilo Naidu.
Amapolisa abongoza nabani onokuthi abenolwazi ngale ndoda atsalele umcuphi uJudy Xatasi ku041 409 1061 okanye ku078 957 1160 kungenjalo atyelele amapolisa eAlgoa Park.