Sibi: Ndingenza izinto ezibonakalayo kwiBulldogs

UBantu Sibi ngumdlali wasephikweni kwiNtlaza Lions onomnqweno wokudlalela iBorder Bulldogs. Umfanekiso: uthunyelwe

Ngokwendlela athetha ngayo ngombhoxo wendawo yakhe uBantu “Ritha” Sibi, bekumeluba noko sekukho abadlali abadlalela amaqela akwinqanaba eliphezulu.

USibi, 27, ngumdlali wasephikweni ozithembileyo, owuthandayo umbhoxo nokujongwa kuye ngabadlali abasakhulayo eNtlaza kwidolophi yaseNgqeleni – apho awuncance khona umdlalo kwabangaphambili.

“Sinalo iqela lombhoxo apha eNtlaza futhi likhulu,” utshilo uSibi encokola nentatheli yeli phephandaba. Umbhoxo wafika namakhaladi ngo’97 kwindawo yaseNtlaza.

Abantu akhule ebukela bona uRitha bafundiswa ngaloo madoda awayehlala eMishini yaseNtlaza. Nangona kwakungekho -qela lombhoxo – kodwa babekhona abantu baseNtlaza ababedlalela amaqela akooMthatha nakwezinye iindawo.

Kwathi ke kwakubonakala okokuba imbewu eyatyalwa ngaMakhaladi intshulile, aamadoda amaninzi abuyela ekhaya atsho aseka iNtlaza Lions edlala kwiSuper League ngoku namaqela afana neSwallowss, iSelbone, iPolice, iWalter Sisulu, iFort Hare namanye amaqela akwiBorder.

Zange kube nzima ngolo hlobo kuRitha ukwamkela umbhoxo njengomdlalo wakhe ngoba kwakukho abantu abawudlalayo phambi kwakhe. Njengabo bonke abadlali, umdlalo wakhe uye waqina ngethuba edlalela izikolo afunde kuzo eziquka iNtlaza Junior Secondary School.

“Ndaqala ukudlala umbhoxo ngo-2006 ndisafunda kwisikolo samabanga aphantsi,” utshilo uSibi. Nangona iBulldogs itsala nzima – kodwa uSibi uzibona engumdlali wayo.

“Ndiwadlalele amaqela aseThekwini ngoba bendifunda kwela cala – kodwa iliso lam belisoloko likwiBulldogs ngoba ndabona abantu abaphezulu ababedlalela yona. Umqeqeshi wam (uMphumzi Ndamase) wandifundisa zonke izakhono namaqhinga okudlala umbhoxo. Akukho nto endingayaziyo. Ndiyindoda ezimiselayo xa idlala. Ukuba ndinganikwa ithuba yiBulldogs, ndingenza izinto ezibonakalayo,” utshilo uRitha onomnqweno wokudlalela amaqela afana neKings neCell C Sharks.

USibi uthi abantu abadlala umbhoxo kude kwiBorder abajongwa kwabona.

“Iindawo ezingekho kwiBorder azihoywanga. Nangoku akekho umdlali osuka eNtlaza kwiBulldogs ngoba umbhoxo wasezilalini awukhathalelwanga. Ingase kubekho abachongi betalente sinikwe nethuba lokuzibonakalisa. Umntu onokuza apha ngeke abuye ephaca ngoba baninzi abadlali abanetalente,” utshilo uRitha.