UBen Motshwari usendaweni ekhethekileyo emva kokuhlaselwa yiKhovithi-19

Ben Motshwari of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2019/20 match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at FSoccer City, Polokwane, on 09 November 2019 Samuel Shivambu/BackpagePix

Amagosa
ezempilo athe sa iinzwane ekhangela abantu abebedibe noBen Motshwari. Oku
kudizwe liqela lakhe, i-Orlando Pirates, emva kokuba kufunyenwe ichaphaza
lekhorona. UMotshwari ngumdlali wokuqala odlala kwiPremier Soccer League
ofunyenwe enekhorona. IPirates ikhuphe ingxelo ebhaliweyo ethi umdlali wayo uza
kuhlala yedwa iiveki ezimbini. “Siliqela sifuna ukungqina okokuba ngokwenene
uBen Motshwari unechaphaza lekhorona. UBen uye wabanjwa ngumkhuhlane oye
waneempawu ezikrokrisayo kwiveki ephelileyo. Uye wenziwa uvavanyo, iziphumo
zibuye zisithi ngokwenene unekhovithi-19. Umdlali uza kugcinwa endaweni
ekhethekileyo ade aphile. Ngoku iqela likhangela bonke abantu ebekhe wadibana
nabo kwaye liyalele umdlali axelele ugqirha bonke abantu acinga ukuba
ebesondelelene nabo,” itshilo ingxelo ekutshwe yi-Orlando Pirates.

UMotshwari ngomnye
wabadlali abathembekileyo kwiPirates – kodwa ukubhaqwa kwakhe kwangoko kuza
kumnika ithuba lokuphila ngoku isamisiweyo imidlalo. Zimbini iinyanga imidlalo
ye-Absa Premiership ingasadlalwa ngenxa yekhovithi-19 eyaqhambuka eChina
ekupheleni kuka-2019. EMzantsi Afrika, basukela amawaka alithoba abantu
abanekhorona, kanti kwihlabathi basukela izigidi ezine. Ugqirha Mahlane Phalane
uthi imeko kaMotshwari ngeke ichaphazele izicwangciso zePSL egushuzela
ukugqibezela imidlalo eshiyekileyo. “Okwenzekileyo ngeke kuchazele iinzame
zePSL zokudlalisa amaqela kwakhona. Sithe mabavavanywe bonke abadlali. Ngalo
ndlela sakukwazi ukuvumela bonke abangenayo ikhorona babuyele emaqeleni wabo. Akhona
amaqela aphaya kwisithandathu esele senze iimvamvanyo kuwo,” utshilo ugqirha
Phalane osebenzela iPSL.

Nangona ikhovithi-19
isagqugqisa emazweni ehlabathi – kodwa amanye amazwe aseYurophu alungiselela
ukuvumela imidlalo kwakhona. Yonke imidlalo eyakuthi idlalwe okwangoku kukho
ikhorona, iya kudlalwa bengekho abalandeli bebhola emabaleni kuba kungafunwa
kosuleleke abantu abaninzi. Urhulumente akayimelanga imidlalo kwisigaba sesine
sokuvalwa kweentshukumo zoluntu. Nangona kunjalo, uMphathiswa uNathi Mthethwa,
uthe ufuna iSafa nePSL inike urhulumente umkhombandlela. Intlanganiso yePSL
yayizolo ibingekakhuphi nto ecacileyo.