Udiza izicwangciso zakhe zombhoxo!

UYanga Dyosi, odlalela iBlack Eagles yaseTsholomnqa, uncwase ukudlalela iBorder Bulldogs kunyaka ozayo. Umfanekiso: Uthunyelwe.

Nangona ihlabathi lisephantsi koxinizelelo ngenxa yekhorona egqugqisayo nemise ubomi babantu nezinto ezininzi – kodwa abantu abaninzi bakhangela indlela abonokuguqula ngayo izinto.

UYanga Dyosi, 26, odlalela iqela laseTsholomnqa ekuthiwa yiBlack Eagles, ngomnye wabadlali bombhoxo abasafuna ukwenza izinto ezinkulu.

Le ndedeba yase Tsholomnqa yakhetha umdlalo wombhoxo iselula ngenxa yothando, ngoku izimisele ukusebenzela ukukhula ngakumbi kuwo ukuze kubonakale umzila.

“Ndazibula ukuwudlala umbhoxo eZweliyandila High School ephaya eTsholomnqa. Kwakukho imidlalo yamaqela abadlali abaselula, ngeloxesha ndandiphantsi kwezandla zamadoda amabini – uKweliti noFani.

“Ukukhula kwam embhoxweni kwenzeke phakathi kuka-2009 ukuya ku-2010 ngethuba ndisenza uGrade 7 noGrade 10. Kunyaka olandela lowo, bendinguKapteni weFNB Classic Clashes,” utshilo uDyosi.

Njengomntu owazimisela kwantlandlolo, uYanga waye wathathwa yiBlack Eagles eyeza ibaleka ngethuba engumdlali weqela lombhoxo laseWalter Sisulu University.

UYanga uxelele eliphephandaba okokuba umbhoxo umdibanise nabantu abaninzi anobuhlobo ngoku watsho ebhengca nesicwangciso sakhe sokudlalela iBulldogs xa sele kugabuke ikhorona kunyaka ozayo.

“Ukudlalela iEagles kwenze umahluko omkhulu ngoba eWSU besibaninzi kwaye kunzima ukufumana ithuba lokuzibonakalisa isakhono ebaleni.

“Babebaninzi abandlali eWSU – kodwa ukuya kwethu emaqeleni ohlukeneyo kwaye kwanceda ngoba nam ndatsho ndakwazi ukudlala umdlalo opheleleyo. Emva kwale nto yekhorona, ndifuna ukugqiba izifundo zam ngoba ndifuna ukujongana nombhoxo kuphela. Ukuba kungenzeka lo nto, into yokudlalela iBorder Bulldogs yinto eza kuba phambili kum,” utshilo uDyosi odlala njengeProp ebaleni.

“Into engase yenziwe kubekho inkqubo ecacile esetyenziswayo. Kungakuhle ukuba kungakho indlela yokuqokelela abadlali ndawonye ukuze bafumane uqeqesho. Lo nto inganceda ngoba kubekho abadlali abakulungeleyo ukungena xa kukho abadlali abathathwe ngamaqela amakhulu. Ikhona imbetheko ngoku ngoba abanye abadlali badlaliswa bengekavuthwa kakuhle baphinde bagxekwe xa izinto zingabahambeli kakuhle,” uvale ngaloo mazwi uDyosi.