IDowns iza kuziphonononga izigwebo eziwiswe yikomiti yoluleko yePSL!

Gaston Sirino of Sundowns during the2019 Telkom Knockout Quarter Finals game between Chippa United and Mamelodi Sundowns at Nelson Mandela Stadium in Port Elizabeth on 03 November 2019 Deryck Foster/BackpagePix

Kulindeleke
abaphathi beMamelodi Sundowns badibane entlanganisweni – apho baza kuphonononga
isigwebo esinikwe uGaston Sirino. Oku kulandela ukufunyanwa kukaSirino enetyala
lokuhlazisa iPSL emva kokuba wadlakathelisa abanye abadlali ebaleni. USirino wabetha
uClayton Daniels noDean Furman emdlalweni weMTN 8 owawuphakathi kweSuperSport
United neSundowns kunyaka ophelileyo. Kwiveki ephelileyo, ikomiti yoluleko
yePSL ikhuphe ingxelo ebhaliweyo ethi uSirino kufuneka angadlali imidlalo
emibini ahlawule nemali engumdliwo eyiR75 000. Kulo mali, amashumi
amabini anesihlanu amawaka erandi (R25 000) axhonyiwe – kodwa akufuneki
enze esinye iziphoso kwiinyanga ezingamashumi amabini anesine. Yona iSundowns
yohlwaywe amakhulu amabini amawaka erandi (R200 000) – kuyo, iR150 000
ixhonyiwe iinyanga ezingamashumi amabini anesine. “Iqela liseza kusiphonononga
isigqibo esithathwe yikomiti yoluleko yePSL,” utshilo u-Alex Shakoane
kwiSolezwe.

Umtshutshisi
wePSL, uNande Becker, uxelele iKickOff.com okokuba yena ebefuna uSirino angadlaliswa
imidlalo emine yonke. “Bendirhalela anikwe isigwebo esiqatha – kodwa yonke into
yenziwe ngokwemithetho yoluleko. Ikomiti yoluleko iqwalasele umba wakhe
ikhokelwa ngumthetho,” utshilo uBecker. Umba kaSirino udale ingxoxo etshisayo
ekuqaleni kwalo nyaka. Umqeqeshi weDowns, uPitso Mosimane, wagxeka umtshutshisi
ngokurhuqa iinyawo ekukwenzeni umsebenzi wakhe lade lashiyekelwa yimidlalo
embalwa iqela lakhe. Ngaphandle kwaleyo into, uSirino uke wangundaba-mlonyeni ngenxa
yendlela engentlanga aziphatha ngayo emidlalweni. Ukunqunyanyiswa kwakhe kufika
ngexesha elibi kuza kusongwa isizini. Amasandawana azimisele ukulwa neKaizer
Chiefs ehleli kwindawo yokuqala ukuze akhusele indebe yawo ayiphumelele
kwisizini edlulileyo. Akukacaci inyanga eyakubuyiswa ngayo imidlalo yePSL
eyanqunyanyiswa ngenxa yekhorona kwiinyanga ezidlulileyo.