ULeonardo Castro useza kuhlala eminye iminyaka eNaturena!

Leonardo Castro of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2019/20 match between Chippa United and Kaizer Chiefs at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth South Africa on 6 Nov 2019 ©/BackpagePix

Ifolosi
yaseColombia, uLeonardo Castro, iseza kuhlala eminye iminyaka eNaturena emva
kokuba etyikitye isivumelwano sengqesho esitsha namhlanje. Amakhosi akhuphe
isibhengezo kumakhasi onxibelelwano esithi uCastro uza kuhlala iminyaka emibini
kwiKaizer Chiefs. Isigqibo sikaCastro silandela iingxelo ebezisithi
kunokwenzeka ayifulathele iChiefs. Namhlanje angcwatyiwe amaqashiso ngaye kwaye
zithe xibilili izibilini kubalandeli beChiefs. “SiyiChiefs noLeonardo Castro sivumelene
ngokwandisa isivumelwano sakhe sengqesho ngeminye iminyaka emibini. Lo nto ithi
uza kuhlala kude ibe ngunyaka ka-2022,” itshilo ingxelo ekutshwe yiChiefs
kwikhasi lomnathi – uFacebook.

UCastro,31,
ngomnye wabadlali axhathise ngabo u-Ernst Middendorp kwiChiefs nangona ekhe
akamsebenzisa kwisizini egqithileyo. Lo nto iye yabangela kwakho iingxelo
ezithi uCastro ufuna ukubuyela kwiMamelodi Sundowns – apho wayesuka khona. “Ndiyabulela
kakhulu kuwe Mnu. Kaizer Motaung nakwiqela lonke. Ndiyavuya njengokuba ndiseza
kunxiba isikipha esimnyama nagolide. Yinto ebalulekileyo kum leyo ngoba
akukabikho ndebe endiyifumeneyo kweli qela. Ukuhamba ndingayivumenanga ibiza
kuba yinto embi kakhulu kum. Ndinqwenela ukuzuza indebe kweli qela. Kodwa
ndiqinisekile, iqela esinalo ngoku linawo amandla okuyenza lo nto,” utshilo
uCastro.

Amakhosi
aneminyaka emihlanu egcweleyo kungasangeni ndebe eNaturena. Ukufika kwabadlali
abasemgangathweni ophezulu njengoLeonardo Castro noKhama Billiat kwakubonwa
njengento eyakugweba indlala – kodwa kusenzima nangoku. Likhona kekambe ithemba
kule isizini ngoba iChiefs yiyo ehleli phezulu kwiPSL. “Ndiyakuvuyela ukuhlala
apha eMzantsi Afrika kwaye nentsapho yam usamkele isigqibo endisenzileyo,”
uvale ngalo mazwi uCastro. Ukuhlala kukaCastro kuziindaba ezimnandi ngoba
iChiefs yile ingavumelekanga ukuthenga abadlali emva kokugwetywa yiFifa ngenxa
yokutyikitya umdlali waseMadagascar ngendlela engahambisani nomthetho wayo
ngokugcweleyo.