Umongikazi ubhubhe ngenxa yeCovid-19, ebephangele ngoLwesihlanu!

Covid-19

UMONGIKAZI wesibhedlele saseGcuwa ubhubhile ngentseni yangoMvulo ngenxa yentsholongwane yeKhorona.



Lo mongikazi ubhubhe emva kokungeniswa kwicandelo labanentsholongwane yeKhorona ngeCawe kwakwesi sibhedlele saseGcuwa.

Iingxelo zithi ebephangele lo mongikazi ngoLwesihlanu, esenza umsebenzi wakhe wesiqhelo wokonga nokunceda izigulana.

Oogxa bakhe bathi ungene ekwimeko embi kakhulu ngeCawe, exakwe kukuphefumla.

 “Wohlulakele ngentseni yangoMvulo wabe kanti uyasishiya. Ebesebenza kwaWadi 2B,” utshilo omnye woomongikazi besi sibhedlele, ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthe: “Yonke iveki abasebenzi abanokuchatshazelwa yintsholongwane yeKhorona bebephantsi kononophelo. Lo (mongikazi) ufikelwe kukugula ngethuba ekowabo.”

Oomongikazi baseGcuwa bebekhe bakhala ngento abayichaza njengokungahoywa kwimibandela yokhuseleko kwintsholongwane yeKhorona.

Abanye babo bade bathatha ikhefu lokugula buphuthuphuthu kwiveki ephelileyo kuba besoyikisela ubomi babo emva kokusondelelana nesigulana esasingeniswe singaziwa ukuba sinentsholongwane yeKhorona, kanti siza kubhubha kamva ngenxa yale ntsholongwane. 

Uninzi lwaba mongikazi bavavanywa ze iziphumo zabuya zisithi abanayo le ntsholongwane.