UBrockie angabuyela ekhaya, iSundowns ayisamfuni!

Jeremy Brockie of Mamelodi Sundowns tackled by Mpho Matsi of Maritzburg United during the Absa Premiership 2018/19 match between Mamelodi Sundowns and Maritzburg United at Loftus Versveld Stadium, Pretoria on 16 January 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Eminyakeni
embalwa egqithileyo, igama likaJeremy Brockie beliphakathi kwezona folosi
ezoyikwayo ebholeni yaseMzantsi Afrika. Ngelo xesha waye ngumdlali
obalulekileyo kwiSuperSport United ovutha bhe. Yonke lo nto ibe ngathi ngumlilo
weendiza ngoba idwanguze yathi cwaka isithukuthezi esibi emva koko. Yindlela
anokuchazwa ngayo uJeremy Brockie ofike akabonakala nangotshengele kwiMamelodi
Sundowns eyamthatha efaka amagowuli ngendlela engenambaliso kwiminyaka
egqithileyo kwiSuperSport ngemali eqikelelwa kwizigidi ezilishumi (R10-million).
Kuthe kwakucaca okokuba izinto azimhambeli kakuhle kwiDowns, le ndedeba yaseNew
Zealand iye kwiMaritzburg United ngemboleko –
apho kungekho xinizelelo kakhulu – kodwa nalapho, khange kubekho mahluko. Ngoku
umbuzo osezingqondweni zabantu mnye: Ingaba uphelile uJeremy Brockie? Akaguganga,
ikhona into anokuyenza – kodwa kwakufuneka adibane nomqeqeshi oza kumnyamezela
ade angene egiyeni emva kokuthunteka emaqeleni amabini.

UPitso Mosimane
ugqibe kwelokuba uBrockie angabuyeli kwiSundowns emva kokuphelelwa kwexesha
lokubolekiswa kwakhe kwiMaritzburg. Lo nto ithethe ukuthi uBrockie unethuba
elihle lokuzikhethela iqela elilungele yena. Iingxelo zithi uBrockie angabuyela
kwiSuperSport – awayegebenga kuyo amaqela esengumdlali wayo kwiminyaka
egqithileyo. Ingqonyela yeSuperSport, uMnu. Stanley Matthews, uthe iqela lakhe
lisathetha nomphathi kaBrockie kwaProSport International. “Xa umdlali onembali
yokufaka amagowuli efumaneka simahla, lo nto iyasinyanzela simqwalasele.
Sisaxoxa noMike Makaab ngaye uBrockie. UJeremy wahamba ngesihle kwiSuperSport.
Wayefuna imali esasingakwazi ukumbhatala yona. Kwanyanzeleka sithathe isigqibo
sokumthengisa ke nathi ukuze senze inzuzo ngaye. Ukuba singavumelana naye, ndiza
kucela isigqeba esilawulayo sigunyazise ukubuyela kwakhe kwiSuperSport,”
utshilo uMatthews encokola ne-Independent Media. Amakhosi ayenomdla kuJeremy
Brockie phambi kokuya kwakhe kwiSundowns.