IPirates ifumene iziqwayi ezibini zeWits, ngoku ifuna ezinye ezibini!

Nangona
isizini yePSL ingekasongwa – kodwa abaphathi bamaqela sele beqalile ukuthetha
nabadlali ngelilungiselela isizini ezayo. Imidlalo ye-Absa Premiership yamiswa
kwisithuba seenyanga ezintathu ezigqithileyo ngenxa yekhorona esele ihlasele
abantu abangaphaya kwezigidi ezisibhozo kwihlabathi lonke. Noxa kusekho
ukungaqiniseki ngomhla eza kubuya ngawo ibhola ekhatywayo – kodwa amaqela afana
ne-Orlando Pirates sele efumene abadlali abatsha eza kuba sebenzisa kwisini
ezayo. Iindaba ezivakele namhlanje zithi Ezimnyama zityikitye uThulani
Hlatshwayo noDeon Hotto. Akuphelelanga apho ngoba kuthiwa ngoku (iPirates)
izama ukutsalela kuyo uThabang Monare noSifiso Hlanti. Abadlali beBidvest Wits abaninzi
kutsala-tsalwana ngabo ngamaqela amakhulu eMzantsi Afrika emva kokuba
ithengiselelwe usomashishini waseLimpopo, okwa ngumnikazi weTshakhuma Tsha FC
edlala kwiGladAfrika, othe abadlali abamkela kakhulu nabangafuniyo ukusebenzela
abaphathi abatsha baza kuthengiswa. UHlatshwayo noHotto bebefunwa kakhulu
yiMamelodi Sundowns – kodwa kuthiwa iPirates ibazuzile ngoba ibeke etafileni imali
ebhetele.

“UPitso
Mosimane ubemfuna nyhani uHotti. Emva kokuba iWits yayivumela iSundowns ithethe
naye, uPitso wahlangana noHotto izihlandlo eziliqela. Umanejala kaHotto ukhe
wadibana noPatrice Motsepe – kodwa khange kwanele oko emdlalini. Kanti yena
uGqirha Irvin Khoza uye wadibana nomdlali nomanejala wakhe entlanganisweni
amthembise ngebhonasi nomvuzo obhetele kakhulu,” utshilo ohlebele i-IOL Sport.
Ziziqwayi bobabini abadlali abafunyenwe yiPirates kwaye ngoku isezithendeni
zabanye ababini. Phantse bonke abadlali abancede iWits ngethuba iphumelela iindebe
kwiminyaka embalwa edlulileyo bafunwa ngapha nangapha. Yona iSundowns imxelele
nje ngebhonasi aza kuyifumana uHotto ukuba ikwazile ukuya kwiFifa Club World
Cup – kodwa umvuzo ayawunyusa. Imali abebemthembisa ngayo ibisondele kuleyo
ebeyifumana kwiWits. NakuHlatshwayo yenze into efanayo iSundowns. Ayikufuni
ukubhatala iSundowns; yilo nto ebangele iphoswe ngabadlali. Kanti yena
umanejala kaHotto, uLwazi Mazibuko, uthe akhona amaqela anomdla emdlalweni
wakhe kwaye iingxoxo zisaqhuba,” utshilo umthombo wolwazi ohlebele i-IOL Sport.