Lisaqhuba idabi likaMoroe neCricket SA

Umlawuli weqakamba eMzantsi Afrika uThabang Moroe

Idabi eliphakathi kukaThabang Moroe nombutho olawula iqakamba, iCricket South Africa (CSA), alikapheli.

Kwiveki ephelileyo, uMoroe umbonzeleke kwiiOfisi zeCricket SA ngelithi ubuyela emsebenzini wakhe kodwa iingxelo zithi zange avunyelwe asebenze yibhodi eye yabamba intlanganiso ekhawulezileyo.

UMoroe, ingqonyela yeCSA, wanqunyanyiswa ekupheleni kuka2019 kusolwa ukungaziphathi kakuhle kwakhe. Endaweni yakhe kwaye kwabanjiswa uJacques Faul osekhoyo nangoku.

Ngethuba eshenxiswa uMoroe esikhundleni ngenxa yophando, uChris Nenzani, uMongameli weCSA, wathi uphando luza kuthatha iinyanga ezintandathu.

Kuthe kwakuphela elo xesha, uMoroe wabuyela emsebenzini wakhe, kodwa uye waxhaywa ngabaphathi bakhe akasebenza.

Kanti kwelinye icala, uClive Eksteen, obesebenza njengentloko yeentengiso kwiCSA, uye wagxothwa ngenxa yokungabhatali umbutho wabadlali imali eqikelelwa kwizigidi ezibini zeerandi yeMzantsi Super League yango2018.

Ekuqaleni kwale veki, uNenzani uthe uMoroe wangeniswa ngaphakathi ngoba kwakubanda ngala mini watsho eqinisekisa okokuba usanqunyanyisiwe.

“Isiqendu sokuqala sophando ngoMoroe siza kusinikwa ngoLwesihlanu. Kuye kwanyanzeleka uphando lwandiswe ngenxa yolwazi olongezelekileyo. Ingxelo ayibanjwanga yibhodi. Ubudlelane bethu neSouth African Cricket Association bubalulekile ngoba kunyanzelekile sisebenzisane. Ndinethemba lokuba iSACA iza kusiqonda isizathu esibangele ulibaziseko kodwa ukungaxoli kwayo kuyevakala. Kubalulekile kuthi ukulandela umthetho ngendlela yawo,” utshilo uNenzani izolwelinye.

UMongameli weCricket SA ukwathe uMoroe uza kuhlala ekhaya kude kuqosheliswe uphando. Ukucotha kwenkqubo yoluleko kugxekwe kakhulu ngumbutho wabadlali.

Kulindeleke okokuba iCSA iphehlelele itumente entsha kraca kule veki eza kudlalwa okokuqala oko kwathi kwanqunyanyiswa yonke imidlalo ngenxa yekhorona kwiinyanga ezidlulileyo.