Kode kube nini siqhathwa yiYuropu?

Iyothusa indlela izinto ezenzeka ngayo kweli, uMzantsi Afrika uyaqhubeka ukuba ngumthombo wengcinezelo yabantu baseAfrika, becinezelwa ngamazwe aseYuropu.

Kutshanje ilizwe laseMadagascar liveze ukuba umhlonyane lowa wootatomkhulu uyasinyanga isifo sekhorona. Olo luvo alukhange lunikwe nethutyana lokuba limanyelwe okanye livavanywe, akukhange kunikwe nangcaciso engako koko kuthwe alilunganga, alixilongwanga.

Ngoku singxolelwa ngento ekuthwa kudala ikhona kwalapha eMzantsi Afrika, kodwa umthombo wayo yiBritane, la Britane yasicinezela iminyaka engaphezu kwekhulu. Ngethamsanqa mna andiwatyi amachiza aseNtshona, ndihlala ndikhuthaza, ndisitya amachiza endizenzele wona ngokuxelelwa ngabadala.

Yini ukuba sibe noonodoli boorhulumente abanje kwilizwekazi laseAfrika, abangxama kangaka ukwamkela ubuxoki baseNtshona ekukudala kuxhatshazwa ngabo abantu baseAfrika.

Le Dexamethosone ivela phi, yekabani, yintoni injongo, ibigcinwe phi side sifelwe ngabantu abangaka eMzantsi Afrika? Kumele ukuba iiNjingalwazi zeNzululwazi zaseAfrika ziqalise ukuma ngeenyawo, sahlukane nokuxelelwa ukuba umhlonyane awuxilongwanga, kusuke kuvele into esele kusithwa sele isebenza kakade.

Koda kube nini sisenziwa incuva zamazwe aseYuropu, ukusukela kwisifo ugawulayo abakhange bafune nokumamela, okanye ukunika ithuba uluvo lokuba kukho umntu omnyama onokunyanga esi sifo. Oku kusenziwa kuba bekumele ukuba kunikwa ezi Dexamethosone ithuba lokwenza imali yala madoda.

Kutshanje ilizwe laseMorocco lithumele izixhobo zokuzikhusela kwisifo seKhorona kumazwe alishumi elinesihlanu aseAfrika. Akukhange kwenziwe ngxolo ngolo ncedo lusuka kwilizwekazi laseAfrika lisiya kwamanye amazwe aseAfrika.

Abaqhimgqoshe ngoku baxhapha amagwebu bexoxa, bexokisa, bethethelela iDexamethosone yaseBritane. UGqirha Mathias Rath watshutshiswa, wagxagxanyiswa enganikwa thuba lokucacisa, okanye elokuvakalisa uncedo lweemveliso zakhe, kuba kwakumele ukuba kuvulwe ithuba lokuthengiswa kweemveliso zoAdcock Ingra, Bayer and Bayer noPfeyzer.

Umongameli uThabo Mbeki kuphela kwendoda eyalibhaqa kwangoko eli cebo laseNtshona, evala amazibuko engavumi ukuba siphephetheke nento ekuthwa kukunyanga kwechiza elivela ngaseYuropu.

Wagxekwa kuba wayengaviwa ukuba uthini, uGqirha Sabi watshutshiswa wavalelwa wabulawa ngenxa yokunika ubungqina bokuba uyasinyanga isifo sikagawulayo ngaphandle kwamachiza aseNtshona.

Mangaphi amachiza aphuma apha eYuropu akhe avavanywa zinzululwazi zalapha eAfrika. Kuthwa uyabanjwa nabani othetha into echasene nendlela ekubonwa ngayo sisininzi kulo mcimbi wesifo seKhorona. Ndingabanjwa!