Ndifuna ukuba yintshatsheli, utsho uMoni

Bongani Moni

Baninzi abantu abatsha abayithandayo imidlalo futhi abazimisele ukuphumelela ngayo, kodwa akukho lula konke konke ngenxa yokuswela inkxaso kwiindawo ezininzi apha eMpuma Koloni.

Nangona kunjalo uBongani Moni unethemba lokubona iphupha lakhe lijika liba yinyaniso ngenye imini.

UMoni, 25, yimbethimanqindi esesiphakathini kwikhondo layo nenxanelwe impumelelo. Iphupha lakhe lisecicini lokutshabalala ngoba akayifumani inkxaso koosomashishini baseGcuwa nakuMasipala waseMnquma.

Yonke into efunekayo kwimbethimanqindi ukuze iphumelele xa iseqongeni unayo.

Unayo ingqondo yamanqindi, unalo inqindi elinamandla nentshisakalo yokufuna ukubhinqa itayitile ngenye imini, kodwa umqobo yindawo akuyo engenazo iindawo ezilungiselelwe abantu bemidlalo nenkqubo yophuhliso ecacileyo.

“Amanqindi ndawaqala ndiseneminyaka elishumi elinesithathu ngo2007. Ndangena emanqindini ngenxa yeentanga zam ezaziwathanda amanqindi apha kwaYako, eGcuwa,” utshilo uMoni.

Njengabaninzi abantu abatsha, uMoni ngekudala waqwengwa zizinto ezingendawo ezenzeka ezitalatweni kodwa ngoba uphahlwe ngabantu abafuna ukumnceda – uNtsika Sigcawu noXolisa Mabona, naye usabambelele.

“Ukusukela oko ndawaqala amanqindi, ayikho into endiyirhalela njengokuba yintshatsheli. Kweli xesha lethu, imisebenzi inqabile. Imidlalo yinto umntu anokukhupha ngayo ikhaya lakhe ebugxwayibeni. Ukuba yintshatsheli yeyona nto endiyifunayo nangona iza kuthatha ixesha lo nto ukuze yenzeke,” utshilo uMoni, osenomlo omnye kuphela kwinqanaba eliphezulu emanqindini.

“Ndinethemba lokuba abaqeqeshi bam baza kundinceda ndide ndibe yiyo intshatsheli. Ungumntu ozamayo uBhuti Sigcawu, ndinethemba kakhulu. Kodwa kufuneka sibe nomonde nathi side sifumane inkxaso apha eGcuwa. Eyona nto ekhuthazayo xa usenza into kukubona abantu bendawo beyihoyile,” utshilo uMoni ongazi nokuba uya kuze ancedwe ngubani yena noogxa bakhe ukuze bafumane indawo ebhadlileyo abanokuzilolongela kuyo ngaphandle kwabebeyisebenzisa eqhekeziweyo.