Liye linika umdla nangakumbi ityala lokubulawa kwamakhosikazi aseCeletyuma!

BAPHINDE bayalelwa ibheyile kwakhona namhlanje abarhanelwa abane abajongene netyala lokubulala umama uBoniswa Toba (74) kwakunye nomolokazana wakhe uCingiswa Mila (41) baseCeletyuma eNgqushwa.

Aba bavele namhlanje kwiNkundla yaseNgqushwa nguNomvula Zodwa (57), Lwando Lengisi (32), Ayabulela Mahokoto (27) kwakunye noThamsanqa Hlamandana (32).
Amaxhoba ahlaselwayo ngunkosikazi walowo wayesakuba nguMkomishinala wamaPolisa kweli phondo uNjengele Wilson Toba.
UMtshutshisi uLuvuyo Masiso udize ukuba eli ityala linamandla kwaye kufanele ukuba lithathelwe ingqalelo yinkundla.
Uthe uMahokoto nongomnye wababanjiweyo wala ukuveza ipassword yefowuni abayibayo waze wala nokunikeza ngeyakhe ifowuni ezama ukulibazisa ityala.
Ngokwengxelo kuvakala ukuba uNomvula Zodwa, nowayenguKapteni emapoliseni ebethandana nomyeni wongasekhoyo uMila ngethuba efuna uncedo kuHlamandana. 

UHlamandana ligqirha laseBhayi elacelwa nguZodwa ekubeni lithakathe uMila. Endaweni yoko uHlamandana wacebisa ekubeni uZodwa athenge amadoda amabini ekubeni ayokubulala uMila.
Ngokwengxwelo ephuma kothethela iGunyabantu lezoTshutshiso kwingingqi yaseBhayi uAnelisa Feni-Ngcakani, abangena kumzi wakwaToba ngomhla wama-12 kuApril kulo nyaka nguLengisi kwakunye nomnye umrhanelwa ongekabanjwa nosakhangelwa ngamapolisa.

Bafika bababopha izandla babahlaba kumzimba ongentla bathatha iifowuni kwakunye nesixa semali.