Sithathiwe isigqibo ngendawo eza kusingatha imidlalo yePSL

Dr Irvin Khoza, PSL Chairman during the South African football league press conference at PSL Offices, Johannesburg on 16 March 2020 Samuel Shivambu/BackpagePix

Yonke imidlalo
ye-Absa Premiership iza kuqala ngomhla weshumi elinesibhozo ngoMgqibelo weveki
ezayo kwiphondo yaseGauteng. Esi sisigqibo esithathwe ngabaphathi bePremier
Soccer League (PSL) nabeSouth African Football Association (Safa) ekulindeleke
sibhengezwe nguGqirha Irvin Khoza ngokusesikweni xa ethetha namajelo eendaba
kwintlanganiso engomso (uMvulo). Imidlalo ye-Absa Premiership yabekelwa bucala
okwethutyana kwinyanga yoKwindla kulo nyaka emva kokufika kweKhovithi-19
kwilizwe loMzantsi Afrika. Iphondo laseGauteng lichongwe njengelona eliza kuthi
kudlalelwe kulo nangona linengxaki yamanani aphezulu abantu abosulelwe
yikhorona kwilizwe lonke ngenxa yamabala amaninzi elinawo kunamanye amaphondo.
Onke amaqela aza kuhlaliswa endaweni enye ukuze kunqandwe ukosulelwa
kwabadlali.

Amabala aza
kuzilolongela kuwo amaqela ePSL ngala: yiMark Park, yiWanderers Stadium, yiSt
Stithians, iFourways High School, iJohannesburg Stadium, iAuckalnd Park Bunting
Campus neChris Hani Stadium. Wona amabala aza kusingatha imidlalo aquka iFNB
Stadium, i-Orlando Stadium, iEllis Park Stadium, iBidvest Stadium, iDobsonville
Stadium, iRand Stadium, iMakhulong Stadium, iLoftus Versfeld Stadium, iLucas
Moripe Stadium, i-University of Pretoria Stadium neTsakane Stadium. Nayo
imidlalo yeGladAfrica Championship kulindeleke idlalwe – kodwa ingcaciso
epheleleyo kulindeleke inikwe ngomso. IKaizer Chiefs ehleli kwindawo yokuqala
kulindeleke iswantsulisane neMamelodi Sundowns elwela ukugcina isicoco sayo
kwindawo yesibini.