UNqatha ebeqaqambisa ubuqabane kumaqabane

UMphathiswa uXolile Nqatha neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: Facebook
UMPHATHISWA weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yobuKhosi, eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, ebeqaqambisa ubuqabane kumaqabane ngentetho yakhe ephele sele ingundabamlonyeni, itshilo iofisi yakhe.

UNqatha, okwangunobhala wamaKomanisi eMpuma Koloni, ebethetha ngoLwesithathu kwinkonzo yesikhumbuzo kaSomlomo waseBCM uAlfred Mtsi obhubhe ngenxa yentsholongwane yeKhorona.

Intetho yakhe iphele sele ingundabamlonyeni kumaqonga ezonxibelelwano, bambi beqhula ngayo bambi begxeka lo Mphathiswa, emva kokutolikeka njengethi makungathatyathwa manyathelo ngakwiinkokheli ezinobutyhakala kuba amajoni wazo omzimba abuthathaka.

Kwintetho yakhe apho ebebonakala enomsindo, uNqatha uthe: “Imingeni yentsholongwane yeKhorona ayifuni maqabane adangeleyo kuba oko kwenza buthathaka amajoni omzimba, yiyo le nto xa ucinga ngokoluleka ubani ngesenzo esigwenxa, ukuba lo mntu uhleli bucala (ngenxa yale ntsholongwane) ngenxa yokuba egula, sukuthabatha manyathelo ngakulo mntu…iyakhabana lo nto neANC. Ayibobuqabane obo, masingaphathani ngalo ndlela, kuba iyakhabana nobekumelwe nguqabane uMtsi.”

“Uthabatha amanyathelo ngakumntu ohleli bucala (ngenxa yentsholongwane yeKhorona), lo mntu udangele kuba amajoni wakhe womzimba akakwazi kulwa nentsholongwane. Lo mntu uyabhubha ze wena uzozililisa apha ngeenyembezi zengwenya.”

Imbalelwano ekhutshwe lisebe likaNqatha emva kwezankxwe ngentetho yakhe ithe iyakukhaba okuthethwe kumaqonga onxibelelwano okuthi lo Mphathiswa uthe makungathatyathwa manyathelo ngakwiinkokheli ezenza idemeshe kuba amajoni wazo abuthathaka.

Le ofisi ithi uNqatha uzimisele ekusebenzeni ngokugqibeleleyo kwamagosa karhulumente, yatsho isithi abo benza okugwenxa mabathatyathelwe amanyathelo ngokulandelwa komthetho.