Kothuse umzi ukutshaba komlandeli omkhulu wePirates, ‘Umgijimi’

Amazwi
wovelwano aphuma kona zonke zelizwe emva kokubhubha komlandeli owaziwayo
we-Orlando Pirates ogama linguJohannes Thembinkosi Sindane owaziwa ngelikaMgijimi.
Iingxelo zamajelo eendaba ezothuse abantu abaninzi zithi uMgijimi usweleke
izolo eMalahleni, eMpumalanga. Abasemfuthweni wolwazi bathi usweleke ngenxa
yesifo sentliziyo. UMgijimi ngumlandeli obelijikeleza lonke ilizwe loMzantsi
Afrika elandeli iPirates apho idlala khona. Ebenendlela yakhe ekhethekileyo ebezahlula
ngayo kwabanye abantu. NjengeBhakaniya elikhulu, ebesoloko eziqaba ngembola
emhlophe mpe, enxiba i-ovalolo yakhe emphophe, ebeka izipeksi zakhe ebunzi
ethwala exwaya esifubeni sakhe into ebhalwe igama lakhe. “Ebengakwazi
ukuphefumla kakuhle. Sicenge ukuba yinto engenamsebenzi – kodwa simfumene
eswelekile endaweni yakhe ebehlala kuyo. Ebethe iziva engcono kuthi. Besingazi
kanti uza kusweleka,” litshilo ilungu losapho elithethe neKickOff.com.

Amaqela
ebhola ekhatywayo aseMzantsi Afrika, ngokwahlukana kwawo, avakalise ukothuka kukuhamba
emhlabeni kukaMgijimi ngequbuliso obeyithanda ibhola ekhatywayo nePirates
ebeyilandela nokuba iyaphi. Nawo umbutho olawula ibhola, iSouth African
Football Association, uthumele amazwi ovelwano ekhayeni likamfi. “Ibhola
ekhatywayo ilahlekelwe ngumlandeli omkhulu. Zange waphoswa nangemini enye
ngumdlalo wePirates kwaye ukwahluka kwakhe kumenze wangomnye wabalandeli
abaqaqambileyo. Yena, uMama Joy Chauke, uSaddam Maake, uDejan Miladinovic,
uBotha Mssila, uRobert Nkosi noMasilo Machaka ngabona balandeli basisibonelo
kwibhola yaseMzantsi Afrika kwaye bebethandwa kwihlabathi. Kusikhathazile
ukusweleka kukaMgijimi,” utshilo uMongameli weSafa, ugqirha Danny Jordaan. Akukacaci
ukuba uya kungcwatywa ngowuphi umhla.