Amakhosi anqumamise uBobby Motaung ngenxa yokwaphula umthetho

Kaizer Chiefs Team Manager Bobby Motaung during Absa Premiership 2017/18 Kaizer Chiefs Press Conference at Naturena Village on 10 January 2018 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Umanejala
weKaizer Chiefs, uBobby Motaung, unqunyanyisiwe emva kokuba ebhaqwa esophula
imiqathango yokuziphatha ngeli thuba lokunqunyanyiswa kweentshukumo zoluntu
ngenxa yekhorona. Oku kubhengezwe yiChiefs ngenjikalanga yanamhlanje kumakhasi wayo
onxibelelwano afana noFacebook noTwitter. Iingxelo zithi uBobby Motaung usikiwe
liqela lakhe emva kokujikeleza kwevidiyo ebonisa yena esepotsoyini nabanye
abantu abaninzi: amadoda amabini namanenekazi aliqela. Konke oku kwenzeka kanye xa
iChiefs ilungiselela ukudlala umdlalo wayo wokuqala kwiveki ezayo emva
kokunqunyanyiswa kwemidlalo ye-Absa Premiership neGladAfrica Championship
kwinyanga yoKwindla ngenxa yokhorona esele yosulele abantu abaqabele ngaphaya
kwehafu yesigidi yabantu eMzantsi Afrika kuphela.

“IChiefs inomgaqo
olawula ukuziphatha kwabo bonke abantu abayisebenzelayo. Iqela ligqibe
kwelokuba limnqumamise uBobby Motaung emva kokujikeleza kwevidiyo kumakhasi
onxibelelwayo eyinxalenye yolonwabo ngeli thuba lokunqunyanyiswa kweentshukumo
zoluntu. Uphando olwenziweyo liqela lulo olukhokelele ekuthathweni kwesigqibo
sokumsika. Akavumelekanga ukusondela kwiChiefs kude kube ngumhla wamashumi
amathathu ananye kule nyanga yeThupha. Nangona ebengenayo ikhorona emva
kokuxilongwa amatyeli aliqela – kodwa iqela lithe makahlale ekhaya kude kuphele
ixesha aligwetyiweyo. Iqela linyanzelisa wonke umntu osebenzela lona abe
ngumzekelo ngeli thuba kuliwa ngalo ukunwenwa kwekhorona,” itshilo ingxelo
ekutshwe yiKaizer Chiefs namhlanje.