Ukuba yimbaleki kundenze umntu ongcono

UNwabisa Magade welali yakwaDosi, eMthatha, uyoyisile ikhorona ngoba ifike umzimba wakhe uphilile Umfanekiso: uthunyelwe

Eminyakeni emihlanu eyagqithayo, uNwabisa Magade wagqiba kwelokuba angene kwicandelo lezeembaleki kuba wayefuna ukutshintsha izinto ezithile ebomini bakhe.

Le ntokazi yakwaDosi, eMthatha, ixelele I’solezwe lesiXhosa indlela obaguquka ngayo ubomi bayo ukuba yimbaleki.

UMagade, 30, obalekela iFairfield ayiseke kwiminyaka edlulileyo, ukhule eyintombazana yedwa phakathi kwehlokondiba labafana kowabo.

Lo nto iye yamqhobosha akakwazi ukuzifumana ezinye izinto kwizigaba zobomi. Kodwa ukuba yimbaleki kumdibanise nabantu nobomi bakhe baphucuka.

“Ndandingumntu ozidlalela ibhola ekhatywayo ndisemncinane kodwa ngo2015, ndaye ndagqiba kwelokuba ndibe yimbaleki yeChetaahs Athletics Club kuba ndandifuna ukulungisa umzimba wam. Kumnandi ukuba yimbaleki ngoba ndizakhele ubuhlobo nabantu abaninzi endifunde kubo izinto ezindikhulisileyo ebomini bam. Ukwabelana nabanye abantu yenye yezinto endizifunde ekubalekeni,” utshilo uNwabisa.

Onke amacandelo ezemidlalo aye achaphazeleka kakubi yikhorona kwihlabathi lonke. Nabo kwezeembaleki kuye kwanyanzeleka bathi xha iinyanga eziliqela.

Emva kokuxilongwa, kwacaca okokuba uNwabisa unekhorona, kodwa okuhle kukuba wayoyisa ngoba yafika emntwini onomzimba ophilileyo.

“Ndaya esibhedlele apho ndaxelelwa khona ukuba ndinekhorona. Ndazikhetha ebantwini iintsuku ndisebenzisa umhlonyane nezinye izinto ezincedayo.

Zange ndiyeke ukubaleka ngoba ngumqolo qha indawo eyayivakala kum. Zange ibe namandla ngoba yafika umzimba wam uphilile. Isiphazamisile yona ikhorona ngoba besinezicwangciso zokubaleka kwiindawo ezininzi. Abanye babesele benze amalungiselelo.

Ngoku bakhuluphele abantu abaninzi ngoba bebengakwazi ukuzilolonga ngethuba ibisadlangile ikhorona. Njengokuba kuvuliwe ngoku, sizama ukubuyisela iimbaleki zethu kancinci kwisimo esiqhelekileyo,” utshilo uNwabisa.

Nangona izinto zingafani nakudala, kodwa amanenekazi asenemiqobo efana nokungalinganiswa namadoda.

“Ukungalinganiswa namadoda yenye yezinto eziseyingxaki. Ukubaleka kwenziwa ngathi yinto yamadoda. Xa sicela inkxaso kwezoshishino sisajongelwa phantsi. Kukho nokuxhaswa kwamanenekazi okubangela oyike ukulungisa imizimba yawo,” utshilo uNwabisa, obaleke kwimidyarho efana neHeroes Marathon neSoweto Marathon.