Iza nomdliva wamanqindi iTLB Promotions

UThulani Mbenge noXolisani Ndongeni baza kufumana ithuba lokulwa kwitumente eququzelelwa yiTLB Promotions. Umfanekiso: TM/Facebook

Abathandi bomdlalo wamanqindi baza kufumana ithuba lokubukela imilo kwakhona kwinyanga yeDwarha kulo nyaka xa inkampani yabathelekisi, iTLB Promotions isiza nesibhadlalala setumente ngomhla weshumi elinesixhenxe.

Ukubuyela kweembethimanqindi eqongeni kuza kwenzeka emva kokuba urhulumente enike abaququzeleli bamanqindi imvume yokwenza izinto zabo njengesiqhelo kwakhona – kodwa ngaphandle kwababukeli.

Kwitumente eququzelelwa yiTLB Promotions, kulindeleke kudibane iimbethimanqindi ezaziwayo eziza kutsala umdla wabantu abaninzi noxa bengazukwazi ukungena endaweni ekuza kulwelwa kuyo imilo eKlipspruit Sports Centre, eSoweto.

Phakathi kwamadoda aza kufumana ithuba lokulwa kukho iimbethimanqindi zaseMpuma Koloni ezifana noThulani “Tulz” Mbenge noXolisani “Nomeva” Ndongeni.

Zombini ezi mbethimanqindi zinethuba elide zingasalwi. Ngokuqinisekileyo, ziza kufuna ukusebenzisa ithuba ezilifumanayo ukuze zikhumbuze abantu okokuba zisengoompondozihlanjiwe emanqindini.

Umlo ophambili uza kuba phakathi kukaMbenge nendodana yaseDemocratic Republic of Congo egama linguKatembo Kuvesa.

La madoda omabini afuna itayitile yeABU Welterweight engenamntu. Unethuba elingaphaya konyaka ngoku uMbenge engasalwi ukusukela oko wabethwa nguSebastian Formella ngamanqaku emlweni owawubanjelwe eJamani ngo2019.

UKuvesa yindoda engabetheki lula futhi ephekwa apha eMzantsi Afrika, kodwa uMbenge wathembisa ngokumfundisa isifundo kwincoko neli phephandaba phambi kokumiswa komlo eKwindla.

“Ndike ndambukela esilwa. Yindoda ewaziyo amanqindi yena, kodwa andinalo tu uvalo. Uyimbethimanqindi ekhaliphileyo kodwa ndiza kumbetha angazazi nokuba ubethwe ngubani. Lifikile ixesha lokuba ndigqame nam. Ndikulungele ukudibana nale ndoda; ndiyathemba nayo ikulungele ukulwa nam,” watsho uTulz. Yena uNomeva uza kuvan’ amandla noPrince Dlomo.