Intwazana yaKwaBhaca ikhethwe nguPrince Kaybee!

I

NGOMA kaMacy Gray ethi ‘I Try’ ibe ngunobangela wokuba intwazana yaKwaBhaca (Mount Frere), uThembisile Qwabe, ibe yinxalenye yeqela lamantombazana alishumi aza kuthath’ inxaxheba kwicwecwe elitsha likaPrince Kaybee.

Le DJ ishicilela icwecwe elibizwa Project of Hope, nalapho inika ithuba amagqiyazana alishumi aphuma mbombo zone zeli nanomdla wokuba ziimvumi njengenxalenye yokuhlonipha iNyanga yaManina nokukhalimela izehlo zoxhatshazo ezijoliswe ngakwisini.

UPrince Kaybee usungule eli phulo kwikhasi lakhe likaTwitter kutshanje, esithi yena ukhangela inzwakazi ibenye, kanti uza kuphela ethabatha abalishumi kwabo baxhome iividiyo zabo kuTwitter wakhe.

“Ndiziva ndichulumancile kakhulu ngokukhethwa kuba liphupha lam ndisakhula eli lokuba yimvumi,” kutsho uQwabe ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

UQwabe uthi uchulumance kakhulu kukutyunjwa nguPrince Kaybee kuba ukucula yinto ayithandayo.

“Ndikhule ndilinganisa neengoma endizithandayo xa zidlala,” utsho.

Uthi wakhe wazama ukungena kwikwayala yesikolo ngethuba esakhula.

“Ndaye ndagxothwa kuloo kwayala kuba ndandifuna ukuvakala ndedwa.”

UQwabe uthi ukhethwe nguPrince Kaybee emva kwamatiletile aliqela aphanzileyo ezama ukungena emculweni.

” Ndithe ngenye imini ndiye nomakhulu ecaweni ndacula ke, kwacaca ukuba lithandiwe ilizwi lam ndabe sendichongwa ukuba ndibe lilungu lekwayara. Kuthe kusenjalo, ndathathwa yikwaraya yasekuhlaleni ndaba lilungu layo.

” Kulapho ke ndazazi khona ukuba ndiyacula. Ndiye ndahamba ke xa ndineminyaka elishumi elinesihlanu ndeza eRhawutini kuba ndineenjongo zokuba yimvumi kodwa ke kwangalungi. Ndizamile ukungenela namanye amakhuphiswano, kodwa akwalunga njengokuba ndide ndachongwa kule,” kubalisa uQwabe.

Eli cwecwe leProject of Hope likwakhatshwa nangumboniso oziziqendu ezilishumi.

UQwabe uthi ucinga ukuba isizathu sokukhethwa kwakhe nguPrince Kaybee kungenxa yelizwi lakhe elimnandi nokungazifanisi namntu.

Uthi akanahlobo litheni lomculo afuna ukulicula nanjengoko ethanda wonke umculo.

UQwabe uthi unethemba lokutyikitywa zinkampani zomculo ukuze avakale mbombo zone zeli.

simphiwe.freddie@inl.co.za