I-R100 000 konolwazi ngokugetyengwa kwenkosikazi!

AmaPolisa eli phondo akhuphe isixa semali esingangeR100 000 kuye nabani na onokuthi eze ngaphambili nolwazi ekuncediseni uphando lwamapolisa malunga nenkosikazi yaseBizana uNyameka Twabu owagetyengwa emzinakhe ngethuba ehleli nomyeni wakhe uMpumelelo Twabu.

Esi sehlo sokugetyengwa kwanokuxhwilwa kwale nkosikazi senzeka ngomhla wokuqala kuJuni wonyaka ophelileyo kwilali yaseLudeke eBizana.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo, uKapteni Khaya Tonjeni, ixhoba lalingqengqe egumbini labo lokulala phambi kwentsimbi yeshumi ebusuku, yabe indoda yakhe ikwelinye igumbi ibukele ibhola ngethuba kungena amadoda angaziwayo emnyango nangena sele ekhomba umyeni ngompu ebusweni emyalela ukuba alale phantsi. Ingxelo ithi umyeni uthi weva ilizwi lenkosikazi yakhe ecaleni kwakhe, nayo ilaliswe phantsi esithi la madoda afuna imali, inkosikazi yaphendula ngelithi imali ayikho phaya ekhayeni. Emva koko abarhanelwa bafuna izitshixo zegeyithi kwakunye nezemoto kule nkosikazi akugqiba athatha iifowuni zombini, eyomyeni nekankosikazi emva koko baxhwila inkosikazi bemka nayo.

Le nkosikazi, neyayisebenza njengomcebisi kwizifundo zesiXhosa, yabhaqwa sele ibhubhile phambi kwentsimbi yesibini ekuzeni kusa kwihlathi laseNyanisweni kwaseBizana. Imoto yayo awayexhwilwe ngayo kwakunye neefowuni zombini zafunyanwa ngakuyo.

Iinzame zokuphanda nokulandelela eli tyala zenziwa zonke kodwa amapolisa abuya nelize. Kungoku nje amapolisa akhuphe le mali ebongoza lowo unokuthi abe nolwazi ngabarhanelwa eze ngaphambili ukuze babanjwe bajongane neenkundla zamatyala.

Kungenjalo lowo unokuthi abenolwazi uyabongozwa atsalele umcuphi wetyala oseMthatha uOnesimo Mtirara ku-071 475 1888 okanye D/Col Nceba Mshiyo-071 475 2292, kungenjalo atsalele u10111. Amapolisa akuqinisekisile ukuba liya kukhuseleka igama lalowo uze nolwazi ngaphambili.