UBrian Temba ushumayela uthando ngeGospile!

UKUBA akumthandi omnye umntu, akunaThixo kuba uThixo uLuthando.

Oku kuthethwa yingoma entsha kaBrian Temba Makiwane ethi ‘The Love Song’.

Le ngoma iphuma kule veki kwaye ubani angayifumana kwangoku kwiivenkile zobuxhakaxhaka be-intanethi.

UBrian Temba waziwa kakhulu ngeengoma ezifana noDominoes, Lost Without You, Early Morning noZanele – iingoma ezishumayela uthando phakathi kwababini.

Kule ngoma, uBrian Temba usebenze nabavelis’ abaphum’ izandla, uMpendulo Mhlanga njengeprodyusa kwakunye noNhlanhla Selaule obhale le ngoma.

“Le ngoma ndiyikhuphayo yingoma yeGospile, ibizwa ‘The Love Song’ kwaye ithetha ngothando lukaThixo nabantu abangakwazi kuthanda abantakwabo nanjengabangamaziyo uThixo, ngokuba uThixo uLuthando,” kutsho le nzalelwane yaseCorhana eMthatha, ibalisela I’solezwe lesiXhosa ngale ngoma.

” Kudala ndizishicilela iingoma zegospile, ezinye ndincedisile ke kuzo. Endikuthandayo ngale ngoma kukuba iseyingoma kaBrian Temba, kodwa eyiGospile, hayi iR&B, ” kutsho uBrian Temba.

Uthi le ngoma ikhuthaza uthando ngaphezu kwayo nayiphina enye into.

“Kodwa isandi sayo sesaphesheya, uM’rapper ocula kuyo, uMotlhabi, unesingqi seMotsoako,” kutsho uBrian Temba, okwathi le ngoma iza kuphakamisa imimoya yabaninzi.

UBrian Temba usandul’ ukukhupha ingoma ethi ‘Olwethu’ nathi yingoma yesiZulu ebalisa ngothando.

Le mvumi, ekwangumdlali kwimidlalo kamabonakude, neyaduma ngendima kaRanthomeng kwiMuvhango, ithi isathe xha kwiqonga lemidlalo kamabonakude nanjengoko isagxile emculweni, kodwa yathembisa ngokuba ” iza kubuyela msinyane kulo.”

Nawe ke zikhangelele le ngoma ngoku!

simphiwe.freddie@inl.co.za