‘Xa sifundisa sithi Solva u-x

SOLVA u-x, bhala i-ikhweyzhini, fumana ivelyu ka-x, unikwe i-ikhweyzhini yesekile kwane-ikhweyzhini yomgca ostreyti.

Le yeminye yemiyalelo ethe yafumaneka kwiphepha lokuqala lezibalo (mathematics) ebelibhalwa ngabafundi bakaGrade 12 baseMpuma Koloni kwiimviwo ezihlakulela ezokuphela konyaka.

Okokuqala ngqa kwimbali yephondo, abafundi bathe banikwa imvume yokuphendula nokufunda imiyalelo yephepha lemibuzo besebenzisa ulwimi lwabo lwenkobe. Abantetho yesiXhosa bathe banikwa inyhweba yokuphendula nokufunda imiyalelo ngesiXhosa, logama nabo besiSotho bathe benza kanjalo.

Urhulumente waseMpuma Koloni uthi ziinzame zokuphucula iziphumo zikaGrade 12 kuba uhlolo lufumanise ukuba ukuyalela nokuphendula iimviwo ngesiNgesi kungumqobo kubafundi abantsundu.

Kodwa kumaqonga onxibelelwano iphepha lokuqala lezibalo lifumene ukugxekwa abantu besithi alikho kumgangatho wesiXhosa.

Abanye abaphefumle kwikhasi likaFacebook wephephandaba I’solezwe lesiXhosa babonakalise ukuyikhaba kwanto yemibuzo yeemviwo ebhalwe ngesiXhosa.

ULuvuyo Kwankwa uthe: “Kungase kuthwe andizingci ngolwimi lwam, soze abam abantwana benze lo nto. Ngekhe ndithi ndingakwazi nokukhumsha ngoku ndibenze basokole njengam.”

Yena uHelen Getyese uthe: “Asinzima isiXhosa ngelo xesha ukusipela, bamosha abantwana, umsebenzi baza kuwufumana njani? Ingathi ndiyabona usizi ujonge abantu abathetha isiNgesi phezulu, awuva nokuba kuthiwani.”

Kodwa utitshala ohlohla izibalo kwesinye sezikolo samabanga aphezulu eMpuma Koloni ulithethelele eli phepha lezibalo ligxekwa umgangatho wesiXhosa, esithi la ndlela libhalwe ngayo yindlela ekudala befundisa ngayo abafundi abantsundu.

“Mna andiboni ngxaki kweli phepha kuba umntwana unethuba lokujonga kwicala lesiNgesi xa engaqondi. Thina xa sifundisa izibalo iCircle sithi yiSekile, asithi siSangqa, siphinde sithi mabaSolve u-x. Eli phepha libhalelwe abafundi ukuze baqonde msinya.

“Mna njengotitshala ofundisa izibalo, eli phepha ndilithandela le nto yokubhalwa ngale ndlela sifundisa ngayo,” utshilo lo titshala.

Ethetha malunga neli phepha, iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthi eli linyathelo lokwenza inguqu kumagumbi okufundela.

“IChina ikule ndawo ikuyo ingazange yafundisa abantwana ngesiNgesi. Uphuhliso alukho esiNgesini, koko lukulwazi. Ayikho into ethi umntwana ofunde ngesiXhosa akanakuthabatha inxaxheba kuphuhliso lwesizwe.

“Yimbali le siyenzayo kwaye iyaqala ngqa apha ephondweni. Siza kuyakhela umkhanyo, sijonge ukuba ihamba kanjani,” utshilo uMabuyane.

UThumeka Joseph ohlomle kuFacebook wephephandaba I’solezwe lesiXhosa uthe: “Intle lo nto abantwana bavavanywe ngolwimi lwabo lwenkobe, kwaye ukuba kungaqhubeka kusenziwa njalo, iziphumo zematriki zaseMpuma Koloni zingantle kakhulu.”