‘Sicela ingqwalasela nathi bazobi basemaphandleni’

 

Umzobi ophum’ izandla waseMthatha, uAbongile Majeke, uthi urhalela ukuba nowabo umsebenzi wokuzoba bengabazobi beli phondo ungathi uthathelwe ingqalelo luluntu.

UMajeke wazalelwa kuQumbu wakhulelwa eMount Frere kumama wakhe nangona nje sele eseMthatha eWalter Sisulu Univesirty apho enza izifundo zobugqwetha kodwa ekwaqhubekeka nangomsebenzi wakhe wokuzoba.

UMajeke wenze izifundo zokuzoba iFine Art eWalter Sisulu eMonti. UGrade12 wakhe wamphumelela eHolly Cross eMthatha.

Uthi umsebenzi wabo uyafana neminye efana nobutitshala, ubugqwetha kuba nabo bachitha iiyure besebenzisa izandla, ingqondo, umonde kwakunye nengqwalasela. Uthi mininzi imicelimngeni abajongana nayo bengabazobi kungoko athi uyanqwenela naye ukukhe bafaniswe nabazobi baseGoli naseKapa apho bathathelwa ingqwalasela.

“Uninzi lwabantu luye lucinge umsebenzi ngumsebenzi xa uvuka uye eofisini kuphela, kwaye xa uzoba uzichithela nje ixesha balindele nokuzotywa mahala. Andinyanzeli bantu ukuba bayithande iArt kuba akufananwa, koko nje kukuba siqwalaselwe nathi,” utshilo uMajeke.

Umsebenzi kaMajeke asele ewenzile uhlala eVisual Arts Gallery ephantsi kweWSU eMonti.

Uthi nangona kunzima nje kodwa uyayibulela inkxaso ayifumana kumphathi wecandelo leArt uPhumani Mbanya kwakunye noVC uRob Midgley nabasoloko bemkhuthaza.

Umsebenzi wakhe sele ekhe wabonisa ngawo kwiSOPA yePhondo eBhisho kulo nyaka ngokoncedo lwabaphathi bakhe.

UMajeke uthi bengabazobi baseMthatha abahlanu baye beza neqhinga lokuba baziwe luluntu ngokumane bebeka umsebenzi wabo eNelson Mandela Museum xa kunesiganeko.

Uthi phambi kokuqala kweLockdown, beleli qela bebenezicwangciso zabo zokukhulisa umsebenzi wabo.

“Sagqiba ekubeni sidibane singabazobi sincedisane ngokumane sisenza umboniso wemisebenzi yethu (exhibition) kuba xa uzenzela wedwa uyabethakala kanti akufani xa nibaninzi. Besisaqhuba kakuhle ke sizama kodwa ngenxa yeLockdown siye sama asakwazi ukuya phambili.”

UMajeke uthi okunye okubancedisa kakhulu lunxibelelwano lomnatha kuba kulapho baye bazithengise khona ngokuxhoma imisebenzi yabo. Okunye okuye kubancede kukuzoba oosaziwayo nangabona ke bakholelwayo kwinto yeArt.

Sithetha nje uMajeke uzoba omnye usaziwayo ongasekhoyo obethandwa kakhulu nathi unethemba lokuba usapho lwalo saziwayo luza kuthenga kwaye noluntu luza kuwuthanda lo mzobo.

Uthi eminye yemizobo yakhe ayenzileyo kusube ekhumbula ubhuti wakhe ongasekhoyo owayezoba naye oopopayi besakhula, bezichithela nje ixesha engazi ukuba namhlanje ingamenzela igama.

Xa unomdla wokubona umsebenzi wakhe iya kuFacebook: AbongilePaul Majeke’s Art, Inst:@paul.paul.pp24 nakuTwitter: @Bhele_abo.