UMphathiswa: ‘Kunzima nowubiza lo msunu’

UMphathiswa weSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko, eMpuma Koloni, uFezeka Nkomonye, uthi ukuphuhliswa kolwimi lwenkobe kukuphuhliswa kwesizwe, watsho esithi luxanduva lwaye nawuphi na umntu ukuphuhlisa ulwimi lwakhe.

UNkomonye ebethetha eSteve Biko Centre eGinsberg eQonce kwiveki ephelileyo apho iSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko, eMpuma Koloni, belibambe indibano yeentsuku ezintathu zokuphonononga iilwimi.

Phambi kwentetha kaNkomonye, ingcaphephe kulwimi lwesiXhosa kwanombhali ophume izandla, uNjingalwazi Ncedile Saule, uveze ukuba amagama ekucingwa ukuba ayathuka kuye kufunyaniswe ukuba akathuki kwezinye iintsingiselo.

Umzekelo igama elithi umsunu. “Umsunu ayisosithuko. Ngumthi wehlathi owawusetyenziswa ngamaXhosa ukwenza imikhonto, iintsimbi zingekabikho,” utshilo uSaule kwintetha yakhe.

UNkomonye uthe: “Ndifunde lukhulu kule ndibano, ndide ndafunda ukuba igama ebendicinga ukuba liyathuka, alithuki. Kodwa Njingalwazi Saule ndicela undixolele, ela gama andinakukwazi ukulibiza phambi kukamama wam kuba yena andiqondi ukuba angayivuma ukuba eli gama lithi umsunu alithuki. Kunzima nolibiza, ingathi ndithetha amanyala.”

UNkomonye uthi iilwimi zinegalelo elikhulu ezilidlalayo kwaye zenza iimvakalelo ebantwini.

“Omnye umntu xa uthetha ngegama elithile ubanamasikizi, omnye umntu xa uthetha ngendlela ethile akujongele phantsi. Yiyo le nto kubalulekile ukuba sifundisane.

“Kwenye intlanganiso ebesidibene kuyo kuye kwathethwa ngabantu abathandana besisini esinye. Kuye kwavakala ukuba abanye babo abafuni ukuba kuthiwe zizitabane. Abanye babo ngesiZulu kuthiwa ziinkonkoni. Abanye abafuni kuthiwe igeyi, abanye bafuna kuthiwe igeyi. Ndizama ukuthi xa igama liza kusekwa okanye kuza kuvunyelwana ngalo, kubalulekile ukuba laziwe ngokucacileyo.”

Lo mphathiswa ukhuthaze uluntu ukuba luzingce ngeelwimi zenkobe. “Sisisizwe simele ukuba sizingce ngokuthetha iilwimi zethu. Umntu othetha isiLungu mayingabi ngathi ngoyena mntu ubhadlileyo phakathi kwethu.”

“Baninzi ke abantu, kule minyaka mininzi sele ndiyisebenzile, endikhe ndadibana nabo, abathetha isiLungu kodwa ufumanise into yokuba apha phantsi kweenwele akukho nto, umntu uyakhumsha nje qha. Ude uzamle ngoku akhumshayo kuba kunzima ukubamba umongo.

“Esi silungu nisithanda kangaka, apha eMpuma Koloni lulwimi lwesithathu ngokokuthethwa. Ayilolwimi lokuqala. Ulwimi lokuqala, oluthethwa ngabantu abaninzi, sisiXhosa. Ulwimi lwesibini sisiBhulu. Olwesine sisiSotho. Qhubekani nikhumshe, andizi,” utshilo uNkomonye.