IiYunivesithi zixhalabe lulosuleleko lweCovid-19 eQuigney

IiYunivesithi ezimbini kweli phondo leMpuma Koloni zidandalazise inkxalabo yazo malunga nenani labafundi bazo abosuleleka yiCovid-19 eQuigney eMonti.

Ezi yunivesithi, iWSU neFort Hare, zithi oku kungenxa yokuba aba bafundi bonwaba ndawen’ inye kule Quigney.

Kwiveki ephelileyo iFort Hare idize ukuba abafundi bayo abangamashumi amathathu anesithathu (33), abahlala eQuigney, bafunyaniswe benentsholongwane yeCovid-19 emva kovavanyo. IFort Hare, ngentseni yangoLwesine, idize ukuba inani labafundi bayo abaneCovid-19 lonyuke ngamashumi amabini anesithandathu (26).

Kwelinye icala, iWSU ibike ukuba inani elithile labafundi bayo abahlala eQuigney babonakalise iimpawu zeCovid-19. Iziphathimandla zaseWSU zikwaqinisekisile ukuba abafundi abathathu kweli zikomfundo bafunyaniswe baneCovid-19.

Ezi yunivesithi zithi abafundi bazo bathi babeyinxalenye nemisitho yolonwabo kwiindawo zentselo eQuigney ngomhla wesithathu, oweshumi noweshumi elinesixhenxe apho bekutyeshelwa khona imiqathango yeCovid-19.

NgoLwesihlanu abaphathi beeYunivesithi ezine zephondo (WSU, UFH, Rhodes neNMU) kulindeleke ukuba babambe indibano namagosa ezempilo.