Kubhubhe umkhwetha, abanye bakwimeko embi esibhedlele

Kusweleke umkhwetha eMbizana emva kweentsuku ezintathu elusiwe, logama abane bathe bangeniswa kwisibhedlele saseMthatha bekwimeko embi ngenxa yolwaluko olugwenxa.

Oku kwenzeka nangona nje lingekaqali ngokusesikweni isiko lolwaluko kwiphondo laseMpuma Koloni. Urhulumente umisele umhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga njengomhla wokuqala ngokusesikweni kwesiko lolwaluko. Indawo edizwe njengaleyo engazukolusa makhwenkwe kweli xesha lasehlotyeni yiNelson Mandela Bay.

Lo mkhwetha ubhubhileyo uneminyaka elishumi elinesithandathu. NgowaseLukholo eMbizana kwaye woluswe ngokungekho semthethweni ngomhla wesithandathu kule nyanga, wabe uyabhubha kusuku lwesithathu.

Isithethi seSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi eMpuma Koloni, uMamkeli Ngam, uthi uxanduva lulele kwiintsapho.

“Abakhwetha abolukileyo bakwenze oko ngokungekho semthethweni. Ziintsapho ekufanele zikhokele ngempilo yabantwana bazo. Xa ungamboni umntwana futhi urhanela ukuba inokuba uzibile, yiya emapoliseni. Sekukho le ngxaki yokubhubha kwabakhwetha nje kungenxa yeentsapho ezingathabathi xanduva,” utshilo uNgam.

Lo mkwetha waseMbizana ngowesibini ukubhubha phantsi kolwaluko olungekho semthethweni kweli phondo. Ngenyanga yeDwarha kwabhubha umkhwetha eGxulu eLibode emva kokoluswa gwenxa.