UPeter Shalulile liqhawe leSundowns emva kokubiliswa siStellenbosch

Imidlalo yeNedbank Cup isoloko ishiya iinkumbulo ezingacimiyo zingqondweni zabantu. Namhlanje iMamelodi Sundowns neStellenbosch zivelise umdlalo osemgangathweni ophezulu, onamagowuli amaninzi futhi ongasoze ulityalwe. Emva kokuxikixana, iSundowns ibethe iStellenbosch ngo’3-2 igoloza emdlalweni weNedbank Cup obuseLoftus Stadium ngongcwalazi namhlanje. Isitshovutshovu seDowns, uThemba Zwane, siphose ithuba kungekapheli nomzuzu umdlalo uqalile.

Ebaleni layo, iSundowns iwuthathele kuyo umdlalo isebenzisa abadlali bayo basesiswini abanamandla abafana noRivaldo Coetzee, uGaston Sirino noSiphelele Mkhulise. Ibhakuzelise umnatha kuqala iStellenbosch ngebhola efakwe ngu-Ashley du Preez obejongene ngqo ngoRicardo Goss – obengene endaweni kaDenis Onyango obephunyuziwe. UPeter Shalulile ufake igowuli leDowns lokulinganisa emva kokufumana ibhola entle kuLebohang Maboe. Isiqingatha sokuqala siphele ebambene omabini amaqela ngegowuli elinye macala.

Amasandawana ebenamandla emdlalweni futhi ikwa ngawo azamileyo ukudala amathuba acacileyo emdlalweni. Ibingayekanga kodwa ukulwa nayo iStellenbosch kwaye yenze umsebenzi omhle emva ngoba ikwazile ukubabamba abadlali abayingozi beSundowns abafana neZwane, uShakulile noMaboe. UGaston Sirino ubhakuzelise umnatha kugcwele abadlali phambi kwakhe. Khange kube kudala, uPhathutshedzo Nange ufake igowuli lokulinganisa.

Konke oku kwenzeke kwisigaba sesibini ixesha seliphela. Liye laphela ixesha kungekho qela elifuna ukugoba. Kwixesha elongezelelweyo kwisigaba sesibini, uShalulile wenze adume ngazo ngethuba efaka igowuli lesibini ngebhola ayinikelwe nguLesedi Kapinga ongene njengelalela emdlalweni. Ngelo gowuli, iSundowns ikwazile ukuya kumjikelo olandelayo weNedbank Cup ngenxa yabadlali bayo abanamava. Komnye umdlalo weNedbank Cup, iPolokwane City izibethele iSteenburg United emini namhlanje.

Sundowns: Goss, Coetzee, Lakay, Lebusa, Nascimento Jali, Sirino, Mkhulise, Zwane, Maboe, Shalulile.

Amalalela: Pieterse, Modiba, Morena, Kapinga, Soumahoro, Domingo, Maluleka, Erasmus, Vilakazi.

Stellies: Stephens, Van Heerden, Johannes, Robertson, Macheke, Van Rooyen, Sinkala, Msengi, Du Preez, Dimgba, Adams.

Amamela: Langeveldt, Skelem, Moon, Nange, Brenner, Scott, Mtehthwa, Mendieta.