‘Ugonyo alunyanzelisi, ukuqhathana yingozi’

UMONGAMELI Cyril Ramaphosa uthi ukufika kwebathu lokuqala lwechiza lokugonyela iCovid-19 ziinzame zokukhusela uluntu lweli kule ntsholongwane, kodwa watsho esithi akukho mntu uza kunyanzelwa ukuba athabathe inxaxheba kolu gonyo.

Ethetha ngoMvulo, uRamaphosa uthi eli lizwe lifumene ibathu elikwisigidi leli chiza, nelibizwa iCovishield. Eli chiza lisuka kwilizwe laseIndia kwaye kulindeleke ligonye abasebenzi bezempilo, kumaziko kawonkewonke nakulawo wabucala.

Ekupheleni kwale nyanga, uRamaphosa uthi uMzantsi Afrika uza kuphinda afumane ibathu lwechiza logonyo elikwisiqingatha sesigidi kwaseIndia.

UMongameli Cyril Ramaphosa UMFANEKISO: Phando Jikelo/African News Agency (ANA)

Emva kwabasebenzi bezempilo, kuza kuyiwa kwisigaba sesibini apho kuza kugonywa abo bakwiinkonzo ezingundoqo (amapolisa, ootitshala njalo njalo), abantu abangaphaya kweminyaka engamashumi amathandathu kwanabantu abaphila nezigulo zexesha elide. Esi sigaba sesibini siza kuquka nabantu abakumaziko okonga (nursing homes) kwanasehostele.

Kwisigaba sesithathu, kuza kuyiwa kubantu abakwibakala lobudala (18+).

“Ndiyayazi ukuba uninzi lwenu niyazibuza ukuba luza kufumaneka njani olu gonyo phantsi kwezi zigaba. ISebe lezeMpilo liza kubanenkqubo yobuxhakaxhaka bokujonga iinkcukacha malunga nolu gonyo (Electronic Vaccine Data System). Obu buxhakaxhaka buza kubangela ukufunxwa kweenkcukacha phambi kokuba ubani agonywe. Le nkqubo iza kubangela ubani ukuba enze idinga lokuya kugonya xa efunyaniswe ukuba usesimeni yile nkqubo yobuxhakaxhaka,” kutsho uRamaphosa.

UMongameli uthi injongo kukuba ugonyo lufikelele kubantu abaninzi. “Sifuna ukugonya wonke umntu waseMzantsi Afrika, nokuba bunjani ubuni bakhe bokuhlala kweli. Siza kumisela iinkqubo zokuqubisana nomngeni wabemi bangaphandle abangabhaliswanga ukuze sikwazi ukushicilela wonke ubani othe wagonywa.”

“Kodwa mandiyibeke icace. Akukho mntu uza kunyanzelwa ngolu gonyo. Akukho mntu uza kuthintelwa ukuba akhenkethe, okanye aye kwisikolo esithile, okanye athabathe inxaxheba kokwenziwa luluntu, xa engagonyanga.

“Akukho mntu uza kugonywa ngaphandle kwemvume futhi olu gonyo aluzukuqhutyelwa ekhusini. Amarhe athethwa malunga noko, akanabunyani futhi ayingozi,” utshilo uRamaphosa.