Ukhuseleko emanzini

 

Umfundi waseBen Sinuka Primary School eNew Brighton, ebonisa iindlela zokunceda otshone emanzini.
UPercy Mthombeni efundisa ukhuseleko eSoweto.

Ngaphezu kwezigidi ezibini zabantwana bezikolo zamabanga aphantsi abathe bafumana uqeqesho lokhuseleko emanzini.

Olu qeqesho balunikwe ngabakwaNational Sea Rescue kwiidolophu ezigudle unxweme ezifana neMonti, iBhayi, iKapa, iSajonisi kwakunye nezo zisembindini wezwe ezifana neRhawuti.

Lo mbutho uqeshe amagosa angamashumi amabini ananye nathe ajikeleza ezikolweni efundisa abantwana ngokubaluleka kokhuseleko emanzini. Bafundiswa abamakwenze ngexesha lengozi yokurhaxwa komntu, baxhotyiswe nangeenombolo emabazifowunele ngelo xesha.

Ezi zifundo ziqhutywa ngexesha lesikolo kwaye uninzi lwabantwana oluthatha inxaxheba ngabo basuka kwiilokishi neelali ezingathathi ntweni.

Le nkqubo yokuqeqesha aba bantwana iqaliswe ngowe2006 yaze ngo2017 yavotelwa kwimbasa yeOutstanding Team Contribution in the International Maritime Rescue Federation Awards – apho ingene kwindawo yesibini.

Ukanti ngeli thuba lentsholongwane yekhorona bathe gqolo beqeqesha abantwana ukuze bahlale bekhuselekile. Bafundiswa ukuba balumke xa bezama ukusindisa abanye ekuyeleni, baboniswa ukuba mabasebenzise ukhuni okanye intambo xa benceda otshonayo. Kukhuthazwa ukuba ubani makafowunele u112 xa ebona ingozi edamini okanye elwandle.

Xa usiya kuqubha elwandle kubalulekile uqubhe phakathi kweeflegi zabakhuseli ukwenzela uhlale ukhuselekile ngalo lonk’ ixesha okanye uqubhe apho bakhoyo abakhuseli emanzini .- Vuyolwethu Mekula

Vuyolwethu Mekula

vuyo@searescue.org.za