AmaZulu ahleliswe phantsi yiBlack Leopards kwiNedban Cup

Izibekele indawo kumjikelo olandelayo weNedbank Cup namhlanje iBlack Leopards emva kokuhlalisa phantsi AmaZulu aye ehambela phezulu emdlalweni obuseThohoyandou Stadium. Omabini amaqela aye emdlalweni ezithembile emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni yeDStv Premiership egqithileyo. Umdlalo utake iintlantsi zisuka ngoba bekudlala amaqela athanda ukuyibeka phantsi ibhola xa ehlasela esebenzisa isantya esiphezulu.

USiphiwe Tshabalala, obeqala ukudlala kwiqela likaBenni McCarthy, uzibonakalise ngokukhaba ibhola entle edibene nentloko kaLimbikani Mzava – kodwa eye yabanjwa ngunozinti weLeopards, uKing Ndlovu. Emva kokusukelana ixesha elide, omabini amaqela aye kwixesha lokuphumla kungekho elikwazileyo ukubhalisa ebhodini nangona amathuba wokufumana amagowuli ebekhona kwisigaba sokuqala somdlalo.

Iqela laseLimpopo, iLidoda Duvha, liqhufuze iqanda ngebhola efakwe nguMohammed Anas – obeluncedo nangethuba iLeopards ibetha iGolden Arrows ngo’2-1 emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi evekini. Abadlali abafana noTshabalala noLehlohonolo Majoro bazamile ukudala amathuba – kodwa abadlali beLeopards bebevale mba emva.

Iinguqu ezenziwe nguMcCarthy kwisigaba sesibini somdlalo khange zibe nefuthe kwaphela. Umdlalo uphele iLeopards ifuma impumelelo eyidlulisele kumjikelo olandelayo weNedbank Cup. Emidlalweni edlalwe izolo, iTshakhuma Tsha Madzivhandila ibethe iSwallows FC ngo’4-3 kumapenela emva kokuba amaqela ebambene ngo’2-2 kwixesha elongezelelweyo. Yona iCape Town All Stars ibethe iCape Town Spurs ngo’5-3 emdlalweni ophele entanganye ngo’3-3 eKapa.

Black Leopards: Ndlovu, Matsimbi, Mashoene, Nthatheni, Gyimah, Abubakar, Mthethwa, Ramagalela, Anas, Hlongwane, Khutlang.

Amalalela: Muleka, Masia, Khumalo, Mokoena, Kabwe, Makgetlwa, Karuru, Maluleke.

AmaZulu: Boshoff, Sikhakhane, Masilela, Mzava, Mgwazela, Makhaula, Kewuti, Tshabalala, Majoro, Maduna, Chawaphiwa.

Amalalela: Mothwa, Gumede, Mabiliso, Xoki, Khumalo, Sithebe, Magubane, Mahlambi, Mthembu.