AmaZulu antwyilisele iChippa emdlalweni obuseSisa Dukashe Stadium

Izinto aziyihambeli kakuhle iChippa United, ingakumbi emva kokuba intywiliselwe ngaMaZulu ayibethe ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium namhlanje ngorhatya. Impumelelo ayizuzileyo AmaZulu ibethelela indawo yawo kwindawo yesithandathu kwiDStv Premiership. Kanti yona iChippa United ihleli ndawonye kwaye namaqela asezantsi kwayo ayasondela kuyo futhi angayithobela ezantsi nanini na.

Nangona iChippa United iyiyo eqale yaxhokonxa emdlalweni – kodwa siphele isiqingatha sokuqala ingakwazanga ukubhalisa ebhodini. Nawo AmaZulu akukho nto ayenzileyo ecacileyo kwisigaba sokuqala somdlalo nangona uLehlohonolo Majoro ebekhe wazama ukunkqonkqoza ezipalini zika-Ayanda Mtshali.

Kuthe kwakubonakala okokuba akukho ntshukumo ethembisayo kwisiqingatha sesibini somdlalo, uBenni McCarthy ufake uSiphelele Magubane endaweni ka-Augustine Mulenga. Kuthe xa kuphela imizuzu elishumi kwesesibini isiqingatha, uTapelo Xoki wenze adume ngazo ngokubhakuzelisa umnatha emva kokufumana ipenela kuwiswe ugxa wakhe endaweni embi.

Izame ukuphindisa iChippa United ngebhola ebikhatywe nguPeter Maloisane eye yabanjwa nguVeli Mothwa – obekade engunozinti weqela laseMpuma Koloni. AmaZulu akhusele igowuli lawo kwade kwasekugqibeleni. Ngalo ndlela, iChippa United yaba iphulukena nomnye umdlalo kwemihlanu engaphumelelanga namnye kuyo ilandelelana. Iziphumo zithetha ukuthi uDan Malesela uhleli ngempundu enye emsebenzini wakhe.

Chippa United: Mtshali, Mobbie, Nhlapo, Nsabiyumva, Hanamub, Mdlinzo, Mthethwa, Sangweni, Eva Nga, Kwem, Mokhele.

Amalalela: Watenga, Damons, Konqobe, Lentjies, Manqola, Phewa, Maloisane, Jodwana, Laffor.

AmaZulu: Mothwa, Sikhakhane, Xoki, Gumede, Mabiliso, Sithebe, Makhaula, Kewuti, Mulenga, Majoro, Mthembu.

Amalalela: Boshoff, Mzava, Mgwazela, Masilela, Mlambo, Maduna, Magubane, Memela, Chawapiwa.