UMpengesi uza kulungisa amabala ngezigidi ezilishumi zonke zerandi

UMnumzana uSiviwe Mpengesi uza kuchitha imali eqikelelwa kwizigidi ezilishumi zerandi (R10-million) xa elungisa amabala amabini waseMonti: iBuffalo City Stadium neJan Smarts Stadium ukusukela kwinyanga ezayo. Kwindibano ebibanjelwe eMonti izolo, uMpengesi unikwe igunya lokulawula amabala omabini nguSodolophi weBuffalo City Metro, uMnu. Xola Pakati, emva kwesigqibo esathathwa libhunga likamasipala kwiinyanga ezigqithileyo.

Usodolophi kamasipala ombaxa waseBuffalo City Metro, uMnu. uXola Pakati enika uMnu. uSiviwe Mpengesi, isitshixo sokungena eBuffalo City Stadium naJan Smarts Stadium anikwe ilungelo lokuzisebenzisa iminyaka engamashumi amabini kwindibano ebiseMonti izolo. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Amabala aza kuba phantsi kolawulo lukaMpengesi iminyaka engamashumi amabini yonke ngokwesivumelwano sakhe nomasipala. Baninzi ke kwezemidlalo abasithandanga isigqibo sikamasipala kuba besithi iza kuvalela ngaphandle abantu bemidlalo efana nombhoxo nabakwicandelo lezeembaleki iBuffualo City Stadium. UMpengesi uthe uza kuwalungisa amabala emva koko ababhatalise abo (abafana nemibutho) xa befuna ukuwasebenzisa ukuze kubekho into engenayo akwazi nawo ukuhlala esemgangathweni ophezulu ngamaxesha onke.

“Yimini enkulu. Khange kube lula ukuza kolu suku, indlela ibinamagingxigingxi – kodwa siyabula kuba ubulungisa benzekile ekugqibeleni. Siyathembisa ebantwini balapha, ngeke sibaphoxe futhi baza kubona umahluko omkhulu. Ngeke elibala lifane nakuqala nazo zonke izinto ezilapha ngaphakathi. Asizu kuchitha imali engaphantsi kwezigidi ezilishumi (R10-million) xa silungisa izinto ezokonakeleyo kuphela kula mabala. Sizimisele ukuthetha neenkampani ezizimeleyo norhulumente wephondo ukuze kubekho into abayenzayo ngoba sirhalela ukulichatha ela bala (Buffalo City Stadium) ukuze sakhe ibala elikumgangatho we-Orlando Stadium. Sifuna isikolo, isibhedlele, indawo yokuzilolonga nezinye izinto ukuze abantu balapha bakwazi ukuxhamla,” utshilo uMpengesi. Khange kuphelele apho, lo somashishini waseNgqamakhwe uthethe ngophuhliso lwabadlali abatsha olucwangcisiweyo.

“Kukho iqela elitsha ekuthiwa yiBCM Stars. Injongo yethu kukuba le ndawo ibe neqela layo elidlala kwiPSL. Sinalo mbono ke – kodwa okwangoku ingekafiki, iChippa United iza kube idlala eBuffalo City Stadium. Njengokuba sidlala apha eMonti imidlalo esixhenxe, sinethemba lokuba inani lemidlalo iza kunyuka kwiminyaka ezayo,” utshilo uMpengesi. Ethetha ngabantu abangayixhasiyo into yokunikwa kwakhe amabala, uMpengesi uthe: “Ndiyafuna ukuhlala phantsi ndithethe nabo. Ndandifuna kwa kuqala ukuthetha nabo, qha zange bafune ukuthetha nam. Ndiseza kubacenga ngoba inkulu le nto, ayinakumela umntu omnye.”

Emva kokunika uMpengesi isitshixo (esingumfuziselo) sokungena ngaphakathi emabaleni, uPakati uthe umasipala akanawo amandla okumelana neendleko zokugcina amabala esemgangathweni ophezulu. Yiyo lo nto umasipala elamkele ungenelelo lwequmrhu elizimeleyo watsho esithi akukho ngxaki, abantu baza kuwasebenzisa amabala njengesiqhelo – kodwa kufuneka yenziwe ngendlela ecwangcisiweyo yonke lo nto.