UGqirha Patrice Motsepe ubekwe ngokusesikweni njengoMongameli omtsha weCaf!

UGqirha Patrice Motsepe nguMongameli omtsha weCaf.

Emva keenyanga eziliqela enyuka esehla okwamanzi olwandle egaya iivoti, namhlanje uGqirha Patrice Motsepe, 59, uchongwe ngokusesikweni njengoMongameli weCaf enkomfeni yolonyulo ebibanjelwe kwisixeko saseRabat kwilizwe laseMorocco. Igama lakhe liphakanyiswe ngaphandle kokuphikiswa namhlanje emva kokuba abantu abebeza kukhuphisana naye abafana no-Augustin Senghor waseSenegal, uJacques Anouma wase-Ivory Coast no-Ahmed Yaya waseMaurtania begqibe kwelokuba bawarhoxise amagama wabo kugqatso kwiveki ephelileyo. Iingxelo zithi uMongameli weFifa, uGianni Infantino, uye wathetha nabanye abagqatswa ukuze uMotsepe abe yinkokeli yeCaf. Nangona kunjalo, uMotsepe ebesele enalo inani leevoti (30/35 yeevoti) ebeliza kumnika impumelelo.

Patrice Motsepe during the 2021 CAF General Assembly in Rabat, Morocco on 12 March 2021 ©BackpagePix

Yena u-Ahmad Ahmad, ophume esihlalwenu, uxhaywe yiFifa efuna ukuzigqatsa kwakhona nangona wayegwetyiwe ngenxa yokophula imithetho yokuziphatha. UMotsepe, osisigwili sikasomashishini wemigodi eMzantsi Afrika, uthembise ngokuguqula ibhola yase-Afrika ibe kwizinga lehlabathi. Izinto ezifana nokuzama ukucela amashishini azimeleyo atyale imali ebholeni ekhatywayo, uqeqesho loosompempe, ulawulo olucocekileyo – zezinye zezinto eziphambili athethe ngazo uGqirha Motsepe, eSandton, xeshikweni ethetha namajelo eendaba ekuqaleni kwale nyanga. Igama likaMotsepe laphakanyiswa nguGqirha Danny Jordaan weSafa waze wafumana inkxaso yamazwe asemazantsi e-Afrika (Cosafa), kwiNigeria nakwamanye amazwe.

Thlopie Motsepe and Mpumi Khoza during the Dr Patrice Motsepe Manifesto on the 25 February 2020 at Sandton Convention Centre, / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Indedeba yakwaMotsepe yangena yathi tsotsololo ebholeni ekhatywayo ngo-2004 ngethuba ithenga iMamelodi Sundowns. Ukusukela ngoko watyala izigidi ngezigidi zerandi – kodwa izinto zimhambele kakuhle kakhulu emva kokuqesha uPitso Mosimane – ophumelele intaphane yeendebe ze-Absa Premier League, indebe yeCaf Champions League ngo-2016, iCaf Super Cup nezinye iindebe. Njengokuba uMotsepe engena esihlalweni esikhulu kwi-ofisi yeCaf, unyana wakhe uTlhopie Motsepe uza kuthatha indawo yakhe njengoMongameli weSundowns encediswa ngamanye amalungu osapho lakwaMotsepe.