Imisitho karhulumente iza kumiswa okwethutyana KwaZulu Natal, ngelokuzilela iSilo

INKULUBAPHATHISWA yaKwaZulu Natal, uSihle Zikalala, ubhengeze ukuba imisitho karhulumente iza kumiswa okwethutyana kweli phondo ukuzilela iKumkani yamaZulu, uGoodwill Zwelithini kaBhekuzulu, okhothame ngentsasa yangoLwesihlanu.

Ibisele iziintsuku iSilo Samabandla silele esibhedlele, emva kokungeniswa ekuqaleni kwenyanga ephelileyo.

Ikhothamile iKumkani yamaZulu, uGoodwill Zwelithini kaBhekuzulu UMFANEKISO: Nqobile Mbonambi/African News Agency(ANA)

Urhulumente waKwaZulu Natal uye wabamba indibano ekhethekileyo yesikhawu, emva kweendaba zokukhothama kweKumkani.

“Namhlanje ilanga litshone emini, kwasibekela amafu esizweni. Ukudlula kukaNgangezwelakhe kusishiya sibethakele. Sisisizwe esisentlungwini, sisisizwe esizilileyo nesililayo. ISilo ibingoyena mntu osikhokelayo kwinkcubeko yesizwe. Ebeluphawu lobunye kwisizwe.

“Usuku lomhla weshumi elinesibini kweyoKwindla, luzibikile ngokubaluleka kwimbali. Ukubaluleka embalini okuza nodandatheko, ngoba ilanga lamhlanje litshone nokukhothama kweNgonyama. Siyayazi ukuthi iNgonyama ibisisibane esisikhanyiselayo kwelokuba inkcubeko yethu iyintoni, ngokuthi asifundise ngokuba siyigcina kanjani inkcubeko,” utshilo uZikalala.

Lo kaZikalala uthi liqalile ixesha lenzila kwela phondo. “Njengorhulumente waKwaZulu Natal sibhengeza ukuba ukuqala ngoku singena kwixesha lenzila, apho siza kumisa khona imisebenzi karhulumente ingakumbi imisitho emikhulu ephondweni. Imisitho karhulumente iza kumiswa okwethutyana, into eza kuqhuba izakuba ziinkonzo ezingundoqo.”

“Umhla weshumi elinesibhozo kule nyanga, uLwesine, iza kuba lusuku mbombo zone zaKwaZulu Natal, apho kuza kuthandazelwa isizwe sakwaZulu,” kutsho uZikalala.

Iinkcukacha ngokutyalwa kweSilo bezingekabhengezwa ngethuba sibhala eli nqaku emva kwemini ngoLwesihlanu. UZikalala uthi babhalele uMongameli Cyril Ramaphosa ukuze kujongwane nombandela wokudizwa komsebenzi wokutyalwa kweSilo.