Xhotyeni: ‘Siphethwe ngamakhwangi’

WAZIWA kakhulu ngentetho ethi ‘Ndidl’ amafutha’ xa efowunela kunomathotholo. Lowo nguSindile Sydney Xhotyeni (SSX) waseZimbaba eQonce, othanda ukuhlomla kwisikhululo Umhlobo Wenene. USithandiwe Velaphi (SV) uncokole noXhotyeni, osandula ukuthabatha umhlalaphantsi emva kokusebenza kumkhosi welizwe (South African National Defence Force) eMthatha. Uthi waqala emkhosini kwiphandle ebelifudula lisaziwa njengeCiskei.

SV: Yintoni ekubangela ukuba utsalele umnxeba unomathotholo?

SSX: Ukuthanda unomathotholo ndikuqale ngethuba Umhlobo Wenene wawusaziwa njengeRadio Bantu, ngela xesha kwakukho la nkqubo yasekuseni eyayisithi ‘Khelekenkce, hha ye hha’. Ndaqala apho ukuwuthanda unomathotholo. Emva koko yabayiRadio Xhosa eyatshintsha yanguMhlobo Wenene. Ngaphambili ndandithanda la nkqubo yeekwayara nezemidlalo.

SV: Amaxesha ahambile, kwabakho neenkqubongxoxo kuquka neminxeba yasesinqeni yokuthabatha inxaxheba kwiinkqubo zikanomathotholo. Yintoni le ebangela ukuba uthande ukuvakalisa uluvo lwakho kunomathotholo?

SSX: Ndinombono wesizwe apho uThixo asikhuphe ebukhobokeni esisa kwilizwe lobusi namasi. Yiyeke ke eyokuba azenzeki ezonto. Xa ndizibiza ke ndithi ndingumKrestu. Ukuba uyakhumbula ngo1994, la madoda asithembisa ngobusi namasi. Ndingomnye wabantu abakhawuleza bayibona eyokuba la madoda ayedlala ngathi. Yona inyaniso yeyokuba asiyiyo le nto sasicinga ukuba iza kuba yiyo. Lo nto ayindiphathi kakuhle.

Phaya kwiAfrican National Congress kukho endandimthanda, ekuthiwa nguTshonyane (Chris Hani). Into endandiyithanda kuTshonyane yinyaniso. EziBhalweni uThixo akalithandi igwala nomntu ongenanyani. Eyam ibhayibhile ithi bayaxoka, andiyazi eyakho ukuba ithini. Xa ndifowunela kunomathotholo, andenzeli mna siqu, koko injongo yam kuzokube ndifuna kulunge ilizwe.

SV: Sele uthethile ngeyona nto ebangela ukuba utsalele unomathotholo umnxeba. Kodwa, yeyiphi eyona miba edla umzi onokuthi isondele entliziyweni yakho?

Sindile Sydney Xhotyeni

SSX: Ndithanda ilizwe elinabantu abanomqolo, abanemibono kwakunye nabantu abagxilileyo. Ndithanda ilizwe elinabantu abanobuntu, ababaziyo abanye abantu ngokwasesintwini. UbuKrestu nobuntu zihamba zombini. Ndiyazithanda iinkqubo apho kuza kuthethwa ngezisombululo kwiingxaki zelizwe. Ndiyaphambana ke xa kuthethwa ngorhwaphilizo, andikhathali nokuba kusecaweni. Urhwaphilizo luqala ekhayeni luye ezicaweni. Enye into endichukumisayo ngabantu abafuna kuviwe ngabo.

Eminye imixholo endiyithandayo kuxa kuthethwa ngabantwana bethu abafundileyo abangakwazi ukufumana imisebenzi.

SV: Zeziphi ezona ngxaki ocinga ukuba zombethe eli lizwe?

SSX: Kweli lizwe ingathi sikhokelwe ngoohili. Zange ndambona uhili, kodwa into endiyiqondayo kukuba uhili akazazi apho aya khona. Apha kweli lizwe sikhokelwe ngamakhwangi. Mna mntu wasezilalini ke, ikhwangi alivelisi mathole…liyakhwela nje, liphazamise iinkunzi. Umbutho iANC usilele ekuncedeni abantu baseMzantsi Afrika.

SV: Uphefumla uthini ngeqonga lokuxoxwa kwemiba edla umzi kunomathotholo?

SSX: Inkqubongxoxo yokuqala kuMhlobo Wenene yayingu-12 Down esenziwa nguDoc Nomsobo. Kwaye futhi xa ndinothetha inyaniso kukuba asinabo abasasazi kwezi nkqubo. Ndagqibela mna into ekuthiwa ngumsasazi ngoDoc Nomsobo. Ndithetha inyaniso kwaye kudala ndayithetha.

SV: Utat’uXhotyeni ngumntu onjani? Abantu bathini xa bekubona?

SSX: Abantu abantu abangandaziyo bathi ndingumntu ogezayo. Injalo ke lo nto kuba xa uthetha inyaniso emaxokini kuthiwa ungumntu ogezayo. Xa uThixo enokubuza kum, ndingathi makaqale agwebe bonke abefundisi beemvaba ngeemvaba, kuba sele sikwezi ngxaki sikuzo nje kukuba abefundisi balibele kukudlala ooYohane nooYeremiya. Ngoku into eyenziwayo kukudlala isiketshu ngoYesu, endaweni yokuba kujongwane ngqo neengxaki ezidla umzi.

SV: Zeziphi izinto ocinga ukuba zingatshintsha eli lizwe xa kunokugxilwa kuzo?

SSX: Eyokuqala ziinkonzo (service delivery). Iinkonzo maziye eluntwini. Makubekho imisebenzi, kuphangelwe ngabantu. Xa umntu eneminyaka engamashumi amathandathu makathathe umhlalaphantsi. Lo mhlalaphantsi mawuyekwe ukwenziwa iinto yabasebenzi bakarhulumente kuphela, nala maxhego asePalamente makathathe umhlalaphantsi xa befika kwiminyaka engamashumi amathandathu. Hamba uyogada amantshontsho eenkukhu zakho Naledi Pandor noNkosazana Dlamini-Zuma, hamba uyogada igusha zakho Cyril Ramaphosa. Bonke aba bantu beANC abazenzi ezi zinto bazithembisayo. Ndidl’ amafutha!